Ulutsha lwaseKraaifontein kwiWadi 101 lonwabise oomakhulu
31 August 2026 | Ntsikelelo Jonga | Kraaifontein

Ukuqukumbela inyanga yamaNina, ulutsha lwaseKraaifontein olungamantombi lwenze umnyhadala wokonwabisa amaxhegwazana. Echaza ngako oku, ongumququzeleli walomnyhadala uNkszn Thuli Sandla nonguNobhala we- ANC Youth League uthi, oku bakwenze ngenjongo yokuwakhumbuza amaxhegwazana ukuba ayathandwa kwaye bona belulutsha olungamantombi bayithathela ingqalelo ukuba omakhulu abakhathalelekanga kwaye bathwele uxanduva oluninzi lokukhulisa abantwana babo kwanabazukulwana babo.
Ukwathe bayithathele ingqalelo nokokuba oomakhulu abafane bakhutshwe, bakhe bayokubethwa ngumoya ngaphandle ukuze neemeko zaphantsi koxinezelelo abazifumanayo zibe nokwehla. Uthi kumaxesha amaninzi basoloko bengabatyholwa ngokusulelwa ngamafutha inyama bengayityanga ingakumbi xa kufikelelwa  kwiimeko zabantwana abakhula babezizigilamikhuba. Kutyholwa kugxekwe oomakhulu kuba kusithiwa ngabo abangonobangela wokuba ababantwana babezizigilamkhuba logama kungekhonto ebhekiswa kootata.
Usuku lwama-24 kule yeThupha ibelusuku olukhetheke noluye lwabaluleka kakhulu kuwo amaxhegwazana nanjengoko bekungalo olusuku apho lomnyhadala ububanjwe ngalo. Olulutsha luqale ngokuwaphungisa amaxhegwazana ze kamva bawathatha bawasa kwibala lezemidlalo eliphaya kwisikolo iMasibambane nalapho aye adlaliswa imidlalo emibini encedisa ukoluleka kweengqondo kwanokoluleka kumalungu omzimba. Ngokokutsho kukaThuli, ayonwabele kakhulu yonke lemidlalo amaxhegwazana.
Emveni koko bawabuyisele apho umnyadala lo ubuqale khona kwaMadlomo nalapho ebephekelwe khona, anikwa izipho kwaneembasa zalamidlalo ebeyenza phaya kwibala lezemidlalo. Ukanti ke simbuza uThuli sizintatheli zalomthombo weendaba ukuba ingaba ibikokokuqala na ukuba bawonwabise amaxhegwazana la kwaye ingaba yinto eyakuhlala iqhubeka ukwenzeka.
Uphendule wathi, “Kukokoqala siyenza ngoluhlobo silulutsha kwaye iinjongo zethu kukuba suqhubeke nokuyenza nanjengoko umyalezo ikukubabonisa uthando oomakhulu bethu. Umntu xa umthanda awumxeleli okanye awumbonisi kubekanye ukuba uyamthanda. Uthe ‘gqolo’ ukuziveza kuye ukumbonisa uthando lwakho kuye. Yiyo ke lonto sijonge ukwenza nangaphezulu kwilixa elizayo.


