CommunityLocalNewsSocial Development

Bakhalela ukungahoywa abantu abangevayo ngeendlebe

31 August 2026 | Monwabisi Khininda | Mpuma Kapa

I-O.R Tambo Deaf Association engumbutho wabantu abakhubazeke ngokungeva ngeendlebe banyanzelisa ukudibana neNkulumbuso yephondo leMpuma Kapa uOscar Mabuyane ukuze baphalaze intlungu yabo. Bakhalaza ngelithi balibalekile kwaye banezinto eziliqela ezibakhalazisayo. Bathi inyanga kaSeptemba yinyanga yokuqwalasela izithulu (Deaf Awareness Month) kodwa urhulumente wephondo leMpuma Kapa akabaniki nkxaso, akukho namibhiyozo ayixhasayo. Nokuba bayibambile leyo mibhiyozo  bazibhiyozela bodwa.

Lo mbutho uthi ubhalele umasipala waseKing Sabata Dalindyebo uvakalisa izikhalazo zokuba kwaSASSA, ezibhedlele emapoliseni akukho zitolika zokubanceda. Baphinda bakhalazele ukungananzwa kulwabiwo lwezindlu zomxhaso. Eyona ntlungu yeyokuba kulamasebe bebebhalela kuwo akukho nalinye isebe eliye lazidina ngobakuphendula.

Umbuzo uthi Mabuyane uyakusihoya nini? Kodwa inyanga yoMsintsi ifikile. “Sifuna imisebenzi singaxhomekeki kwizibonelelo zikarhulumente. Sifuna izindlu zokuhlala neentsapho zethu. Sifuna iitolika (abantu abakwazi ukusebenzisa ulwimi lomjeku ezibhedlele, ezinkundleni kuwo onke amasebe karhulumente. Sifuna inkxaso yemibhiyozo yalenyanga yethu eMthatha,” kutsho uMthunzi Manka onguSihllo we-ORTDA.