Iyingxaki eyokukhulelwa kwamantombazana aselula
31 August 2026 | Monwabisi Khininda | Mpuma Kapa
UOscar Mabuyane oyiNkulumbuso yephondo leMpuma Kapa umemelele intsebenziswano phakathi kwesebe lezeMpilo, eloPhuhliso lweNtlalo, amapolisa kunye nesebe leMfundo esiSiseko ngenjongo zokulwa umkhuba wokukhulelwa kwamantombazana aselula ngeminyaka kweli phondo. Oku kulandela ingxelo karhulumente ebhentsise ukuba kwikota yokuqala kulonyaka ngamantombazana angamashumi amathandathu anesithandathu (66) aphakathi kweminyaka elishumi (10) ukuya kwishumi elinesine (14) athe akhulelwa zizisu aze abeleka kumaziko empilo.
Kwisithili i-O.R Tambo amanani ankqenkqeza phambili ngabantwana abangamashumi amabini ishumi liseNelson Mandela Bay,ithoba eChris Hani, abasixhenxe base Sarah Baartman,abahlanu eAmathole, abane eAlfred Nzo ukuze ababini babeseJoe Gqabi. UMabuyane ubhengeze lamanani ngethuba lomsitho wokuphawula usuku lwamanina eNelson Mandela Bay kutsha nje. “Ngamantombazana ayi-3513 aphakathi kweshumi nesihlanu ukuya kwishumi nethoba (15-19) ubudala abathe babeleka iintsana kuquka i-1046 ebekwe e-O.R Tambo. Masinciphise ezi nkcukacha manani kuqiniswe intsebenziswano ngenjongo zokhuseleko lwamantombazana,” kutsho uMabuyane.
Uqhube wathi umntwana makangalahleki phakathi kweziko leMpilo, uNontlalontle, isikhululo saMapolisa kunye nesikolo.Uthe makubekho umntu ophendulayo de umntwana akhuseleke aphinde abenekamva eliqaqabileyo.


