EducationLocalNews

Baphiwe izihlangu abafundi

Intathali: Anele Raziya | Mbashe

Abantwana bezikolo ezahlukeneyo eMbhashe bafumene inyhweba yokuphiwa izihlangu zesikolo ngumaspala waseMbhashe ebambisene ne-Emakhaya Lounge kwiveki ephelileyo. 

Kulandela emva kokuba umasipala waseMbhashe kunye ne-Emakhaya Lounge ibityelele kwisikolo samabanga aphezulu iXhuba high school nesikolo samabanga aphantsi i-Qatywa primary school eXhorha kwiveki edlulileyo. 

Baye banikizela ngenqwaba yeezihlangu kunye netarhatarha ye sanitary pads kwabo bafundi bangathantweni baseXhorha. 

Inkqubo yolunikezelo ibikhokelwa nguSomlomo weBhunga likaMasipala waseMbhashe, uCeba Babalwa Majavu ekunye ne-Emakhaya Lounge. 

Eli nyathelo lokunikezelo lifike emva kophando elenziwe nguNasiphi Gaehler we-Emakhaya Lounge apho baqaphele ukuba bantsala nzima abafundi emaphandleni. 


Uphando luka Gaehler lubonise imiceli mngene ejongene nabafundi abahamba imigama emide ukuya esikolweni kunye nabo baphuma kwiintsapho ezingathantweni. 

Ngethuba esenza intetho ethe nqabavu  ngale nkqubo yokunceda, usomlomo webhunga, uBabalwa uMajavu uthe, “Siyalibulela kakhulu igalelo le Emakhaya Lounge lokunikezela ngeziqhusheki zamantombazana (sanitary pads) . Ndiyixabise kakhulu into ekhusela nebuyisa isidima somntwana oyintombazana. Nathi siselula kwakusithi ngeentsuku ezithile soyike ukuya esikolweni ngenxa yokoyisela into enokwenzeka ngenxa yokuswela iziqhusheki ezaneleyo. Siyayikhuthaza into yokuba kusolokwa kuxhaswa bonke abantwana ezikolweni zethu, ingakumbi abo bangathathi ntweni.”

Ngeli nyathelo, umasipala waseMbhashe ujonge ukunciphisa imiqobo ethintela abafundi ekubeni baye esikolweni rhoqo, ukuze bakwazi ukuqhubeka nemfundo yabo nokufikelela kwiinjongo zabo zemfundo nekamva.

Ootitshala bezikolo, ooceba, amalungu esigqeba solawulo lesikolo (SGBs), iKomkhulu, abazali, abahlali bebeyinxalenye yeli phulo.

Kwaye ithuba abalifumeneyo ngexesha lomsitho wokunikezela ngeezihlangu nesanitary pads baye babulela igalelo lika rhulumente ne-Emakhaya Lounge. 

Abafundi nabo baye bayibulela kakhulu inkxaso abayifumeneyo kwaye bathembisa ukuba bazakufunda ngokuzimisela. 

UGaehler uthe nabo bazakuqhubeka bencedisa bonke abantwana bangathantweni kwindawo ezisemaphandleni kuba befuna ukuba babenekamva eliqaqambileyo.