LocalNewsReligious News

Kugcotywe ngokusesikweni u-Archbishop onenjongo zokuthandazela uhambo ngeendlela.

Intatheli: Ntsikelelo Jonga | Kraaifontein

“Nawe Nazaretha awumncinci”! Ngumqhubi weetaxi eKraaifontein nothe wagcotywa zinkokheli zebandla lakhe eKraaifontein kwinyanga yeDwarha kulonyaka. UMnu Tinarha unolutho nefuthe elihle ekukhuthazeni nasekufundiseni ulutsha kakhulu ngendlela yokuziphatha ukuze lukwazi ukuba nekamva elikhuselekileyo.

Ungumfundisi oququzelela nokulungiselela ukungcwatywa kwabaqhubi beetaxi ngexesha lokuhlaselwa kukufa. Ukanti ke ukwathabathele kuye iphulo lokuthandazisa nokuthandazela uhambo ngeetaxi ezindleleni ingakumbi ngosuku lokuqala iveki. Ngethuba egcotywa ukunyukela kwisihlalo akuso ngoku sobu-Archbishop, bekuzele eholweni ngamabandla ngamabandla awayeze kuxhasa ukugcotywa kwakhe.

Ukhokele icandelo lolutsha kwibandla i’Eluvukweni Lwabangcwele kwaye injongo yokuba kwicandelo lolutsha kukubanceda ngokubafundisa ngobomi ukuze bangangeni kumgibe weziyobisi othathe unyawo njengangoku ukurhintyela ulutsha oluninzi. Ukwathe njengomqhubi weetaxi onguArchbishop uyifundile kuluntu into yokuba abantu basalithatha icandelo leetaxi njengalandlela yakudala apho kwakungalindelekanga nto intle kwiitaxi.

Kanti ke ngoku ngokutsho kwakhe oko kwatshintsha. Ukhankanye ukuba umbutho abawuqhubelayo weetaxi onguBloewata uhlala ubafundisa indlela yokuziphatha neyokunika iinkonzo ezilungileyo eluntwini, kangangokuba akwenzeki ukuba usuke uphatheke kakubi endleleni. “Ukuthandazisa nokuthandazela kwam uhambo lweendlela kukhawulelana nenkonzo eya kubakhweli”, uqhube watsho uMnu Tinarha.