Sports

INelson Mandela Museum ikhupha ulutsha kwiziyobisi

27 April 2023 – Monwabisi Khininda

Mpuma Koloni

Iziko iNelson Mandela Museum kulindeleke ukuba liphehlelele iSport Challenge njengenxalenye yokulungiselela ukuphehlelelwa ngokusesikweni kwenynaga yase-Afrika (Afrika Month Event). Olu phehlelelo lizokwenzeka eNelson Mandela Museum eQunu ngomhla wesibini kwinyanga ezayo.Kuzongqwamana nenyathelo lesebe leZemidlalo uBugcisa neNkcubeko apho kuzobe kuphehlelelwa inyanga ye-Afrika kweli ziko.

Ukuphehlelelwa kwenyanga yaseAfrika kuzobhiyozelwa phantsi komxholo othi :Deepining the AU Vision for Unity for Africa through Prosperity, Peace and Modernity for a better Africa and a Better World”

Ngokwengxelo ekhutshwe ligosa kwi-ofisi yonxibelelwano kweli ziko uFumanekile Wisani injongo zalemidlalo entlobo ntlobo kukufundisa ngale mibhiyozo yalenyanga ezobanjwa unyaka nonyaka kunye nokukhuthaza ulutsha luhambele kude nokuxhatshazwa kubulawe amanina nabantwana kunye nokusetyenziswa kweziyobisi.

Le midlalo izobanjelwa eTyhalarha eMthatha ngomhla we-29 kuTshazimpuzi walonyaka ukuqala ngentsimbi yesibhozo ukuya kweyesine emalanga.Amaqela azothatha inxaxheba asuka eMvezo, eQunu, eMqhekezweni, eQokolweni, eClakebury naseTyhalarha.INgqonyela yeNelson Mandela Museum uGqirha Vuyani Booi uthi le midlalo iza kuba yindlela yokuphawula iminyaka elishumi waswelekayo uGqirha Nelson Mandela.