‘Makahlale kwezimnyama izisele
25 May 2023 – Yonela Mpaka
ENgcobo
Abahlali belali yaku Tsazo eNgcobo bothuthukile sisithwakumbe sokudlwengulwa kwentwazana eselula iphindelelwa ngumalume wayo. Abahlali belali bafuna umrhanelwa angayinikwa ibheyile. Iminyaka mithathu intwazana eneminyaka elishumi elinesixhenxe ilixhoba lendoda ebimdlwengula imphindelela. Intwazana le uNosipho nengelo gama lakhe lokwenyani ubhalele utata wakhe ileta echaza ngesizenzo.
Utata khange aphozise maseko wadibana nabomthetho kwanabo bangonontlalontle nabavakalise ukuba umntwana ubelilo ixhoba. Utata womntwana uPatric Matiwane uthi uzive ekhathazekile sesisenzo kuba khange asilindele. “Ndihlukumezekile kakhulu kukuva kwileta ebhalwe ngumntwana wam uba lento kudala iqhubeka, umntwana lo wathenjiswa ukuba uzakumbulala ukuba uyithethile lento, ndiphoxeke kakhulu intliziyo ilihlwili kodwa ndinalo ithemba lokuba izinto zizolunga. Ndiyavuya xa esagcinwe ngaphakathi eziseleni, sifuna ahlale khona kuba sesisoyikisela nabanye abantwana, ndifuna agcinwe kwezimnyama izisele,”utshilo utata uMatiwane.
Umbutho olwa nokuhlukumezwa kwabantu phantsi kwesikhokhelo sikatata uSalimani bathi oku kwenzekileyo bakugxeka kakhulu bazakumxhasa umntwana kwakunye nomzali. Umrhanelwa usagcinwe eluvalelweni.
