CommunityLocalNews

Imatshi eKhayelitsha ukubhiyozela iminyaka elishumi yekhumbulani pride

08 ISilimela 2023 – Mary-Anne Gontsana – Cape Town

Khayelitsha

“Azikho ezinye iindawo ezinje,” utshilo uSharon Cox weProjekthi yeTriangle

Bangaphaya kwe-100 abantu abawangawangisa iiflegi zomnyama becula njengoko bebesiya kwisikhululo samapolisa saseHarare eKhayelitsha, eKapa ngempelaveki. Lo mngcelele uphawule iminyaka elishumi yeKhumbulani Pride.

UKhumbulani, “Khumbula” ngesiXhosa, uqalwe ngo-2013 ngeenjongo zokwazisa ngamalungelo oomakhwekhwetha ezilokishini. Ikwasebenza njengesikhumbuzo samaxhoba olwaphulo-mthetho olunentiyo.

Ukusuka kwisikhululo samapolisa, aba baqhankqalazi baye eSeek Lounge apho amagama nemifanekiso yamaxhoba abhubhileyo olwaphulo-mthetho lwentiyo ayencanyathiselwe kwiindonga zale ndawo. “Namhlanje sibhiyozela abo baphulukene nobomi babo kunye neentsapho eziphulukene nezihlobo zabo,” utshilo uVelisa Jara, itshantliziyo leSini esiKhuselekileyo.

Omnye wabasunguli beKhumbulani, uFuneka Soldaat, uxelele loo nginginya: “Ndiye ndonwabe kwaye ndichukumiseke xa ndizimasa iKhumbulani Pride. I-Khumbulani Pride ayimalunga neelesbians kuphela okanye abantu be-LGBTI abaye badlula, kodwa nabo bahlelwe bulwaphulo-mthetho lwentiyo. Kwakhona ndiye ndajamelana nolwaphulo-mthetho olunentiyo.”

USoldaat ubhengeze ukuba akazukuphinda asebenze kumsitho wonyaka. “Umsitho ngoku usezandleni ezilungileyo. Kukho abantu abancinci nabanamandla kwiFree Gender abaza kuthatha iintambo.”

U-Sharon Cox weProjekthi yeTriangle uthe, “Okubona apha yile nto iQhayiya imalunga nayo. Imalunga nokukhumbula abo babuleweyo, abadlwengulweyo, abahlaselweyo, ngenxa nje yokuba babe ngabo. Azikho ezinye iindawo ezinje, kwaye kufuneka sizingce ngento yokuba senze iindawo ezinje zibekho.”

UNyasha Zhakata waseZimbabwe weDream Academy uthe wabaleka ekhayeni lakhe ngo-2007, eshiya ngasemva intombi yakhe eneminyaka emithathu ubudala.

“Kukho amaxesha apho abantu bendibuza ukuba kutheni ndinomntwana nangona ndililesbian. Abayazi ukuba ndadlwengulwa kwaye yindlela endakhulelwa ngayo. Ndinombulelo kuba ngoku ndiphinde ndadibana nentombi yam.”

Omnye ozichaze njengoLwethu uxelele iGroundUp ngemicelimngeni yokungamkeleki ecaweni. “Asamkelwa ecaweni. Nokuba ufuna ukuya ecaweni awukwazi ngenxa yesondo sakho,” utshilo uLwethu.