CommunityCrime & SafetyLocalNews

Kufunyenwe imizmba emine kuKaplan eMthatha

15 ISilimela 2023 – Monwabisi Khininda

Mpuma Kapa

AmaPolisa aseMpuma Kapa acela uluntu luwancedise ekusombululeni amatyala amane okubulala emva kokufunyanwa kwemizimba emine kwiintsuku ezimbini ezahlukeneyo eMthatha. Ngokwengxelo ekhutshwe ngamaPolisa ngoMgqibelo kwisithuba sentsimbi yesithandathu emalanga, amaPolisa abizelwe kwindawo yexhwayelo apho kufunyenwe imizimba emibini itshiswe ayakwazi nokufaniseka kwihlathi lakwa Kaplan eMthatha.

Uphando lokuqala ludize ukuba esi sisithuthi esiluhlobo lwebakkie ekufumaneke kuso le mizimba sisthuthi sesebe leZoluleko (Correctional Services). Esi sithuthi besilayishe iigusha ekucaca ukuba bezebiwe. AmaPolisa avule amatyala amabini okubulala ukuze kuqhutywe uphando.Amaxhoba azofaniswa emva kokuqosheliswa kophando lweforenziki.

Kwesinye isiganeko ngoMvulo kwisithuba sentsimbi yesithathu amaPolisa abizelwe kwindawo yexhwayelo emva kokubhaqwa kwemizimba emibini yamadoda idada edamini kwakule lali yakuKaplan.Isithethi samaPolisa ephondweni uWarrant Officer Majola Khohli uthi le mizimba yamaxhoba ibinomonzakalo oliqela.

UKhohli uthi kuvulwe amatyala amabini okubulala. Amaxhoba achazwe njengoLunga Feya (27) noLuthando Thingithingi (34). AmaPolisa abongoza nabani onenkcukacha ezingakhokhelela ekubni kubanjwe abarhanelwa abasemveni kweziganeko zokubulala ukuba anxibelelane neqela labaphandi kule nombolo 0623102714 okanye uCrime Stop ku-0860010111