Amafama ase Ngcobo axhasiwe
13 EyeKhala 2023 – Yonela Mpaka
ENGCOBO
Umasipala wase Dr AB Xuma uthe waxhasa amafama ngegusha zoboya ngenjongo zokuba bakhulise ushishino lwabo. Ukufuya nokushishina ngoboya kwidolophu yase Ngcobo yeyonanto yenziwayo ingakumbi abatata babesebenza ezimayini. Ukuxhaswa kwabo kuthethe lukhulu ingakumbi abo kudala bekunqwenela oku.
Umasipala ebambise nesebe lezokuphuhliswa kwamaphandle bakufezekisile okudala kufunwa ngamafama. Utata u Thandi Gadu nowelali yase Qhumanco eNgcobo nothe waxhamla kwezigusha uthi yinto ekudala beyifuna ukuxhaswa bengamafama asakhulayo kuba sele kulithuba bezama. “Ukuxhamla kwezigusha kuzokwenza umahluko omkhulu kuba sikhe sazama ngaphambili kodwa akwade kwapase, siyabulela kumasipala ngokude ayibone ukuba kubalulekile ukuba asincedise, ukufumana ezigusha kufuneka ubengumfuyi kuba uye ubhatale u50% ukuze ube nawe uyazifumana, sithembisa ngoba sakubangamafama oboya abheka phambili nazimiseleyo ukukhula,” utshilo utata uGadu nongumfuyi.
Angapha kwamashumi amathuthu amafama athe afumana kwezigusha. OnguSodolophu kumasipala uCllr Siyabulela Zangqa uthi bafuna ukujonga uqoqosho lwalapha eNgcobo luzakumaphi xa bexhasa amafama.” Sinethemba lokuba yonke into abayifunayo abo bangamafama bazakuyifumana sizimisele kakhulu ukubaxhasa kuba siyabona bayakwazi noyokusimela kwindawo ezikude ngenxa yoboya ababuvelisayo, sizame kangangoko ukubancedisa nangeshedi ukuze bayeke ukuchebela emizini kuba siyabona imveliso yoboya ixhomile kakhulu,” utshilo uZangqa nongusodolophu. Umasipala wase Dr AB Xuma uthe gqolo ukuxhasa nosomashishini abasakhulayo nathe kwinyanga ezimbini ezidlulileyo wabaxhasa ukuze bakhuluse amashishini wabo.

