AgricultureCommunityNews

Amafama enza imali ezilalini

17 August 2023 – Yonela Mpaka

ENGCOBO

Amafama elali yase Quthubeni phantsi komasipala iDr AB Xuma athe anikezwa ishedi enezixhobo zonke nguMphathiswa wesebe lezophuhliso lwamaphandle nemihlaba umama uNonqubela Pieters. Leshedi ebizwa Ngqwaneni wool growers association ithe yakhiwa ngezigidi zerandi. Ukuxhaswa kwamafama ingakumbi lawo edolophu yase Ngcobo kuya kuxhaphaka nangakumbi.

Kwinyanga ephelileyo amafama ase Nqancule athe nawo axhamla kwishedi esele inezixhobo zonke. Ongumfama utata uBalingene Besuthu uthi bayavuya kakhulu benikezwe leshedi bebekade bechebela kuleyo babeyokhile nengekho kumgangatho ofanelekileyo kuba yayokhiwe kudala. “Siyabulela kakhulu side sayifumana indawo yokuchebela kuthi xakuthethwa ngemfuyo kuthethwa ngemali, sisokole kakhulu nangoku senza izicelo khange kubelula kodwa kuba besihleli kwithemba lokua nathi sobanayo ishedi kuba amafama amaninzi ayaxhaswa kakhulu, sithembisa ukuba sakuyiphatha kakuhle nayo iyakuthi isenzele imali,” utshilo utata uBesuthu.

Umasipala kwakunye nesebe elikumasipala lona lithe gqolo ukuwakhutgaza amafama ukuba abheke phamvili. OnguMphathiswa umama uPieters uthi kuyabakhuthaza kakhulu ukubona amafama azimiseleyo nayazi into ayifunayo.” Sizowanika lamafama leshedi kuba sifuna umsebenzi wabo uqhube bangabinazikhalazo zanto bachebe kakuhle igusha zabo ukuze bazofumana imali, siyabona imfuyo kukuphila kubo sibakhuthaza ukuba bahlale bebambisene ukuze konke oku bakwenzayo bavune lukhulu kuko, siva kamnandi xa sihamba zonke ezindawo sibona ukuba zonke ezishedi sinikisa ngazo zihoyeke kakhulu, sithi kumafama angekazifumani ishedi siyeza nakubo, sithi makufuywe siyigwebe tu indlala,” utshilo u Pieters. Umasipala wase Dr AB Xuma nobemelwe ngumama uNobuntu Mgidi ukhuthaze amafama onke ukuba ayikhathalele imfuyo yawo. Abathengisi bamayeza emfuyo bebeyinxalenye yoku nabebepapasha ukuba abafuyi basondele kubo xabedinga uncedo.