Uncategorized

Uyalelwe iBheyile onguCeba obetha abantu

07 EyoMsintsi 2023 – Yonela Mpaka

ENGCOBO

Ujongene nozenge zenge wetyala owayesakubangu Ceba uThembinkosi Ngxangane emva kokuba ethe wabetha intombazana ekhulelweyo eyidibanisa kwakunye nosisi wayo. Oku kwenzeke kwindawo yase Masonwabe Extension 5. Uxambuliswano olwenzeke kwesisithathu sixoxisana ngento engaziwayo siso unobangela wokuba umrhanelwa lo ade abe usa isandla.Ibeyinto embi kakhulu lena kumphakathi kuba ongumrhanelwa nguye okwakhokhele abantu bokuhlala.Imibutho eyahlukeneyo izigxeke kabukhali izenzo zaloceba.

U Anganathi Muteyi obethwe edityaniswa nosisi wakhe uthi into eyenzeke kuye iyamcaphukisa kakhulu kuba iphantse yachaphazela usana lwakhe olungekazalwa. “Wandibetha ndayohlaba ngengqiniba phantsi labe igazi limpompoza ebusweni kuba wandibetha nge glasi ewayeyiphethe, usisi naye wamonzakalisa kakhulu kuba amehlo ebetyufutyufu engaboni kakuhle ubuso budumbile, sifuna esisenzo asenze kuthi asibhatalele ngokuba agcinwe eziseleni, xa ebenento enokwenza nosisi wam baze bohlukana andiyiboni ebethisayo kulonto, sifuna umthetho ulwe qatha nabantu abahlukumeza abantu abangomama kuba imbi kakhulu lento,” utshilo uMuteyi.Umbutho we Anc uzikhalimele kakhulu ezizenzo. Usihlalo wombutho uLusanda Sizani uthi abafuni noyiva into yokuxhatshazwa komama kwakunye nabantwana.

“Esisiganeko siwuhlazisile umbutho kodwa siyayazi senzani kubantu abangenandlela yakuziphatha, sifuna umthetho udlake indima yawo emva koko nathi singumbutho sakuthatha awethu amanyathelo. Siyafuna ukutsho ebantwini abazinkokheli ze Anc ukuba mabakhe babahloniphe abantu babonakalise ukukhokhela okukuko hayi ukwenza izinto ngodlame, siyanqanda noko le yenzekileyo isidanisile kakhulu,” utshilo uSihlalo we Anc eChrishani uLusanda Sizani.

Umrhanelwa lona uthe wayalelwa ibheyile nasahleli ngaphakathi eziseleni.Umasipala iDr Ab Xuma ithe yonyula uceba ozakube ebambela endaweni yalona usajongene namatyala. Abombutho we Moral regeneration movement nekhokhelwa ngu Bhishop Mandila bakugxeke kakhulu oku besithi otata mabaphume ekubetheni abantu abangomama.