BusinessLocalNews

Kuzobhatalwa ngamakhadi ezitekisini

14 EyoMsintsi 2023 – Monwabisi Khininda

EMTHATHA

Kungekudala kuzosetyenziswa ubuxhakaxhaka balemihla xa umkhweli ebhatala ezitekisini. Le nkqubo ipasiswe yaze yaphehlelelwa ngokusesikweni ngumbutho wezithuthi zika wonke-wonke walapha eMzantsi Afrika u-SANTACO, kumsitho obubanjelwe eDan’s Lodge kwisithili sase-O.R Tambo kwiveki ephelileyo.

Ngethuba ichazwa indlela ezosebenza ngayo le nkqubo yamakhadi kudizwe ukuba zonke izithuthi zika wonke-wonke zizofakelwa i-GPS (Global Positioning System) kunye neKhamera kwaye obu buxhakaxhaka abuzuyamkela imali engaphelelanga ebhatalwa ngumkhweli. Le mifanekiso ingezantsi ithwetyulwe ngethuba lokuphehlelelwa kwale nkqubo kwaye bekuboniswa nange Quantum esele ifakelwe obu buxha-xhaka.

UNokuthula Mbebe oyi-CEO eEastern Cape Transport Tertiary Co-operative (ECTTC) uthe unzima umsebenzi ekufuneka bewenzile kodwa ngobambiswano nabantu abachapazelekayo uzoba lula. UMbebe uhambise wathi isebe leZothutho linengxaki yokubhatala kade abantu abathutha abantwana besikolo; kodwa ngale nkqubo entsha izinto azizufana. “ Siyesuka kwinkqubo ebisetyenziswa lisebe leZothutho kuba ibilibazisa ekubhataleni. Nomnikazi wetekisi kuzobalula ukuba abone ukuba wenze malini ngosuku.” UMbebe uthembisile ukuba le nkqubo izodala amathuba amaninzi emisebenzi.