Abaqeqeshi bebhola ekhatywayo eMnquma bafumene uqeqesho
26 EyeDwarha 2023 – Anele Raziya
MNQUMA
Abaqeqeshi bebhola ekhatywayo eMnquma bafumene uqeqesho kwiNozulu Youth Legacy Cup kumsitho ububanjelwe kwiholo yedolophu yaseGcuwa ngoMgqibelo nangeCawa.
INozulu Youth Legacy Cup ekhokelwa nguLuxolo Matikinca osebenza njengo manejala kwiqela iSekhukhune United edlala kwiDStv, ikhwebe iSAFA Technical Scout and Analyst, uSinesipho Mali, Head Performance Analysts kwiSekhukhune United, Tinashe-Shingai Mukandatsama nosekela mqeqeshi ku AmaTuks, uNkululeko Malgas ukuba babeyinxalenye yolu qeqesho belibanjelwe eGcuwa.
Abaqeqshi abangaphaya kwamashumi amane eMnquma 40 bebeyinxalenye yalu qeqesho belibizwa Mnquma LFA Coaches Workshop.
Injongo zolu qeqesho ibikuxhobisa abaqeqeshi ngezakhono azahlukeneyo kuqeqesho kwaye nedlela yokuphatha abadlali.
UMalgas uye wabonisa abaqeqeshi indlela zokulolonga abadlali abasakhulayo naba ncinane kwaye wacacisa nangokubaluleka kwayo yonke lonto.
UMali yena ebecacisa malunga nendlela zokuhlalutya ibhola ekhatywayo kwaye nokuchonga abadlali abanesakhono sokudlala.
Uye wakhuthaza nabaqeqeshi eMnquma ukuba baqhubele phambili nokufundela ubango ngocoach kuba lonto iyancedisa kakhulu kweli ixesha siphila kulo.
UTinashe-Shingai uye wacacisela abaqeqeshi ngendlela ekumele bazilungiselele ngayo ngaphambi kosuku lomdlalo.
Uthe kubaluleke kakhulu ukuzilungiselela kwaye umqeqeshi ngamnye abazi abadlali bakhe ukuba badlala njani kwaye kulindeleke badlale neqela elinjani.
Abaqeqeshi baseMnquma baye bathathwa basiwa nakwibala laseButterworth High School apho bebeboniswa khona ngendlela zokungiselela umdlalo.
Kwaye beboniswa indlela ekumele abadlali bazilolonge ngayo.
Ongumqeqeshi obekhona, uSimpiwe Siyongwana, uthe bavune lukhulu kolu qeqesho kwaye uyathemba umngangatho webhola uzokuphucula nangakumbi eMnquma.
USiyongwana uthe nangona abanye babo sele benazo izatifiketi zokuqeqesha ibhola ekhatywayo kodwa le workshop idlale indima enkulu ekongezeni ulwazi kweli banalo.
Kangangokuba uthe ulindele ukuba basebenzise amava abawafumene kolu qeqesho.
INozulu Youth Legacy Cup eyaziwa ngokuphuhlisa ulutsha kwibhola ekhatywayo ithe iza kuqhubeka nokuphucula ezemidlalo eMnquma ingakumbi ibhola ekhatywayo.