UMphathiswa ojongene neeMicimbi yeeNkosi eMpuma koloni
16 EyeNkanga 2023 – 22 EyeNkanga 2023 – Anele Raziya
MPUMA KOLONI
UMphathiswa ojongene neeMicimbi yeeNkosi eMpuma koloni, uZolile Williams ulumkise abo bazakufuna ukwaphula umthetho ngexesha lokusiwa kwamakhwenkwe esuthwini.
UWilliams uthe abazali kufuneka bathethe uxanduva lokuqinisekisa ukuba koluka abantwana abaselungenelweni ngokweeminyaka.
Uthe amakhwenkwe kufuneka ahlolwe ngoongqirha njenge siqhelo ngaphambi kokuba asiwe ehlathini.
Uqhube wathi abo bazakutyheshela imiqathango neemithetho emiliselwe ngurhulumente bazakujongana nengalo yomthetho.
Urhulumente waseMpuma Koloni uzimisele usebenzisana nabazali kangangoko enako uqinisekisa ukuba akukho bakhwetha babhubhayo ngexesha lolwaluko.
Oko kuthe kwasondela ixesha lolwaluko lokuphela konyaka, indlu yeeNkosi ephondweni ibambisene nesebe oko bejikeleza iingqingi ezahlukeneyo bencokola nabahlali neekomiti zeForum ezijongene nolwaluko ekuhlaleni malunga nezinto ekumele zenziwa ukunqanda ukubhubha kwabakhwetha.
Kutsha nje oko Indlu yeeNkosi ephondoweni ijikeleza kwingingqi yaseOR Tambo uqinisekisa ukuba bayaxhotyiswa abazali, amakhankatha neeNgcibi.
IMnquma Initiation Forum eGcuwa yona sele ibambe yavalela ingcibi engenazo incwadi zokwalusa kwilali yaseNyibase eNgqamakhwe kwiveki ephelileyo.
Amalungu wale Forum kuthiwa afike kwilali yaseNyibase engabhungisanga kulapho afumene umkhwetha owoluswe yingcibi enganazo incwadi ze ayivulela ityala yabanjwa ngamapolisa kwaye kulindeleke ijongane nengalo yomthetho.
Le forum ithe izakuthi gqolo ijikeleza wonke amabhoma waseMnquma uqinisekisa ukuba akukho mntu uza kophula umthetho.
Kwiminyaka emibini edlulileyo uMnquma ubusoloko unezinga eliphantsi kakhulu lokusweleka kwabakhwetha ngenxa yentsebenziswano entle kule forum norhulumente.
Umasipala waseMnquma uzibophelele nayo ekuncedisaneni nale forum uqinisekisa ukuba akukho bantu bophula umthetho ngeli xesha lolwaluko.
ISebe elijongene neeMicimbi yeeNkosi lithe funeka zohlwaywe qatha ezingcibi zingovuka engceni.
Kulindeleke ukuba kuye ehlathini amakhwenkwe aneminyaka engaphezulu kweshumi elinesibhozo (18), engaphantsi kwalo minyaka iza kujongana nengalo yomthetho.
Ingcibi ezakolusa yebhalisiweyo kwincwadi zika rhulumente kwaye nekhankatha funeka ibekanti liqeqeshiwe kwaye libhalisiwe.


