Umfundi uAphinda wase Nyanga usuka eJameni
16 EyeNkanga 2023 – 22 EyeNkanga 2023 – Yonela Mpaka
NGCOBO
Isikolo samabanga aphezulu iNyanga eNgcobo samnkele ngezandla ezishushu Aphinda Ndoyiyana nongumfundi ebeyomela isikolo kwelase Jameni kwimidlalo ibibanjiwe. Lena yintwazana eselula nefunda ibanga lesibhozo negqwese kakhulu kumdlalo wamantombi nobonakale ngethuba kuqhuba imidlalo esikolweni. Isikolo sase Nyanga sithe gqolo ukukhupha intshatsheli zemidlalo nanjengoko kunyaka esimshiya ngasemva wekhona umfundi owayendwendwele phesheya. UAphinda ongumfundi uthe wanikezwa izipho sisikolo esi esithi uzive onwabile xa ebona ezokukhawulelwa ngabafundi kwakunye netitshala.
“Ndiyabulela kakhulu kwinxaso endiyifumene esikolweni kubazali bam, ukuya kwelinye ilizwe ndiyobonakalisa italente yam kundivuyise kakhulu ndaziva ndiwongekile,ndibulela nakutitshala wam othe wandichonga wandenza ndayonyathela phesheya, ukuyodlala nabanye abafundi kwilizwe elikude kanje kuyabonakalisa nakwisikolo sam ukuba siya phambili, “utshilo uNdoyiyana.Ititshala zezinye izikolo kwakunye nomasipala wase Dr Ab Xuma bazokuvuyisana nalentwazana.
Ongusodolophu womasipala uSiyabulela Zangqa ubongoze abazali ukuba babaxhase abantwana kangangoko xa bebonakala benezakhono. “Sizomamnkela u Ndoyiyana kuba sinebhongo neqhayiya ngaye, ukuya kumazwe aphesheya kuthetha lukhulu sifuna nabanye abafundi bayazi xa uzimisele kwinto oyenzayo uyaya kwindawo ofuna ukuya kuyo, siyakhuthaza imidlalo mayihambe phambili ngalolonke ixesha, sifuna ukuthu Huntshu kwisikolo ngokubanzi masiqhube sigqamisa iNgcobo,“ utshilo uZangqa. Oyinqununu kwisikolo esi uButshingi uthi bayavuya kakhulu kukho abantwana abangoyiki ukuveza italente abanazo ,esithi babulela kuye wonke umntu onike inxaso kulomfundi.


