Kunqandwa ukujongana ngezikhondo zamehlo eMakhwalweni
26 EyoMsintsi (Sept) 2024 – 09 EyeDwarha (Oct) 2024
Monwabisi Khininda
Ukugxeleshana ngezikhondo zamehlo phakathi kwabahlali belali yaseMakhwaleni eLusikisiki yimbangi yokuba abanye abantu beshiye amakhaya ngeloyikisela ubomi babo. Kwinyanga ezimbalwa ezidluleyo yimizi emihlanu eyatshiswayo ngabahlali emva kwezityholo zobugqwirha. Amaxhoba abhaca emva kongenelelo lwamapolisa. Bakhona abarhanelwa abaseluvalelweni logama kuvakala ukuba abanye babalekela kwamanye amaphondo emva kwesiganeko.
Oku kubangele amapolisa esithili sase-O.R Tambo kwicandelo iSpiritual Crime Prevention abambe umthandazo kwiholo yelali ukunqanda lembambano.URev.Bonginkosi Mditshane wamapolisa kwisithili uthe: -“Injongo sizothi phantsi iintonga, uThixo makazinze apha eMakhwalweni. Imizi itshile, amaxhoba asabile kungoko singakwazi ukuyiyeka imeko embi ngolu hlobo. Asinothula singamapolisa abantu bechaphazeleka ngoluhlobo.”
UNoncedo Mgqibelo womasipala Ingquza Hill uthe:- “Mapolisa anikezi ukuzokwenza uxolelaniso kulelali,abantu basoyika xa kufika amapolisa. Niyayazi into ekumele niyenzile kwaye sifuna abantu babuye bathandane bakhumbule ukuba bazalwa ngumntu omnye.”
UCol.Phathisile Majaja wamapolisa uthi izityholo zobugqwirha ngomnye wonozala wokuvulwa kwesikhululo samapolisa saseHlababomvu ukuzama ukuthibaza lo mkhuba. Ukhuthaze uzinzo nokuyekwa kwamapolisa enze umsebenzi wawo ekuhlaleni ancothule neengcambi ababholel’ecaleni. INkosi yelali uChief Jongisizwe Jiba uthi amapolisa mawasebenzisane nabahlali kubuyiselwe uzinzo. Wathembisa ngokuthetha nabahlali kubuyiswe uxolo eMakhwalweni.
Kanti uZukiswa Dube wesebe lokhuselo loluntu (Commuinty Safety) kumasipala ukhuthaze abahlali bampimpe kwelisebe amapolisa afedayo ukwenza umsebenzi wawo. Phakathi kwabathathi nxaxheba abebekho baquka i-SONGE SOCIAL CHANGE, isebe loPhuhliso loLuntu, TB HIV Care, Sexual Health Empowerment, NPA namanye amacandelo.
