CommunityLocalNews

Banamanzi kwilali yaku Manzana eNgcobo

6 March 2024 – Yonela Mpaka

Umphathiswa  wesebe lezophuhliso lwamaphandle nemihlaba uNonqubela Pierters ebambisene noSodolophu womasipala I Chris Hani uLusanda Sizani banikeze ngamanzi kwilali yaku Manzana phantsi komasipala I Dr AB Xuma. Emva kwentsokolo enkulu abahlali baku Manzana besela nenkomo kude kwakho ukukhanya kubo. Zimpompi zamanzi ezingamashumi amabini ezizakuthi zincedise abahlali.

Ukuvuleka kwamathuba emisebenzi kwabo bebesenza lomsebenzi wokufaka ezimpompi kwenze urhulumente wanconywa kakhulu ngegalelo lakhe. Usipho Gade nongumhlali uthi ungomnye wabo baxhamle ekufumaneni imali kuba ebenalo ulwazi kulomsebenzi, uthi bancediseke  kakhulu kuba abantu abaninzi bebevuka baye empangelweni, imisebenzi ekumila kunje  uthi bayayivuyela  kakhulu xa isenziwa kwangabo bayazuza.“

Siyathembisa akukhomntu uyakudlale kwimpompi zethu kuba siwasokole kakhulu amanzi, sibulela nethuba esilifumeneyo lokubonakalisa ukuba sinako ukwenza nokuba singomahlalela,“ utshilo u Gade.

Umasipala ebambisene namanye amasebe bebephume ngobuninzi ukuzongqina lomsebenzi .Intsebenziswano ephakarhi komasipala namasebe karhulumente ikhule nangakumbi ngoku .OnguSodolophu we Chris Hani uLusanda Sizani uthi bakunqandwa zinkwenkwezi kuba bayaqhuba nokuphucula iziseko ezingundoqo.“ Sele  sihambe umgama kuba sisuka kwidolophu yaseLadyfrere kwakunye nas eCala sise Ngcobo siyadlula sifuna wonke umntu axhamle emanzini,sibongoza abantu ukuba balime ngoku ukuze bazoncipha edolophini ukuyothenga izinto abanako ukuzivelisa kwangokwabo, simnke sibanike lento kuthwa bubuchwepheshe ukuze xa kuvela elinye ithuba bakwazi ukuncedisa, “ utshilo u Sizani. Abantu abatsha ngabona bathe baxhamla ngethuba bekufakelwa lamanzi.

Umphathiswa wesebe lezophuhliso lwamaphandle nemihlaba uMama u Nonqubela Piertes ulincome kakhulu igalelo labahlali kwakunye nentsebenziswano esithi uyacela abantu bazigade ezimpompi ukuze zihlale ziphuma amanzi, uthi ukusebenzisana nomasipala yeyonanto inenzela umsebenzi lula kuba izinto ezifunwa ngabantu ziqala koceba ziye kumasipala bandule nabo ukuzifumana. Abantu baku Manzana nelali ezingqongileyo sithetha nje zinawo amanzi acocekileyo.