Crime & Safety

Libuyele enkundleni ityala lembubhiso yaseNgobozana

Yintatheli yeKhwezi

Ityala lamadoda amathandathu atyholwa ngokubulala abantu abalishumi nesibhozo kwilali yaseNgobozana eLusikisiki libuyele enkundleni yamatyala ephakamileyo echophe eLusikisiki kuleveki. Amaxhoba adutyulwa lwangcol’ungele ngenyanga yoMsintsi kunyaka ophelileyo. Kuleveki kuqalwe amalungiselelo okuxoxwa kwelityala (Pre trial). Ngethuba ligqibela ukuvela enkundleni kwinyanga ephelileyo umbuso wawarhoxisa amatyala kubarhanelwa ababini uLwando Abi (33) kunye noZenande Paya (38) ababetyatyekwa amatyala nesisithandathu. Abarhanelwa abasajongene nezityholo ezinobuzaza nguMzukisi Ndamase (46), Siphosoxolo Myekethe (45), Aphiwe ‘AP’ Ndende (25), Bonga Hintsa (31), Mawethu Nomdlembu (36) kunye noSongezo Vuma (20) kwaye bonke zange bayifune ibheyile enkundleni. Batyholwa ngamatyala aquka ukuqulunqa iyelenqe lokubulala, ukubulala, ukuxhwila, ukuphanga phantsi kweemeko ezinobungozi nokufunyanwa nemipu neembumbulu. Abarhanelwa bakwanxulunyaniswa nokubulawa kosopolitiki uMncedi Gijana kwaBhaca ngomhla we-19 August 2024.