Kugxekwa uZwelibanzi ngokuchucha imibutho
Monwabisi Khininda
Bebeyigxeka, beyigxibha beyijikijela ngezithuko iKumkani yabaThembu besithi liwexu-wexu, ukhwel’ecingweni webhetyebhetye lendoda engenamqolo. Oku kuza emveni kokuba uBuyelekhaya Zwelibanzi Dalindyebo ezibandakanye nombutho wezopolitiko i-African National Congress kwingxikela nesihika-hika somnyhadala obubanjelwe eNgcobo ngoLwesihlanu weveki esiyishiyayo.
Kuvela ezi zonyeliso nje kungokuba iKumkani yakhe yazibandakanaya nombutho weDemecratic Alliance nalapho yavakala isithi: “Ndingene tsotsololo”. Akubanga ntsuku zatywala walahla apho wazibandakanya nombutho i-Economic Freedom Fighters (EFF) wade wamkelwa ngesipho somnyobo wesithuthi esixabisa izigidi ezibini. Kulapho wavakala esithi: “Ukuba nifuna utshintsho votelani i-EFF”. Kodwa kungoku nje selecula culo limbi. Ngoku umntwan’egazi uthi makuvotelwe iAfrican National Congress. Uyibeke yacaca eyokuba yena akangomgqakhwe kwi-ANC, ngumbutho wakhe awuthandayo. Kaloku uZwelibanzi wabalekela elubhacweni noyise uKumkani Sabata Dalindyebo, babhacela eZambia ebaleka umsindo ozayo kaK.D Matanzima ababeyinyoka nesele.UZwelibanzi wakhuliswa ngumbutho we-ANC. Kwesi isihlandlo singatsho ukuthi ulandele igama lakhe waBuyela ekhaya.
Kukho abantu abathi iKumkani le lilulwane nje lomntu, uz’ungulichele, indoda esonka siqatywe macala; yibhotolo kwelinye icala ze ibeyinyhobhanyhobha kwelinye icala. Kumakhasi ezonxibelelwano kubonakala imbalelwano encinci nekurhaneleka ukuba iphuma kwinkokheli ye-EFF uJulius Malema lo mbhalo uthi: “Sellout we see you”. Bekukwakho nabalandeli be-EFF abathi uKumkani makabuyise imoto yohlobo lweMercedes Benz awayiphiwa nguJulius Malema. Kubekho abamxhasayo uKumkani ngesi sigqibo besithi uZwelibanzi unelungelo lokuzimanya nalo naliphi iqela lezopolitiko. Kubekho abanesikrokro sokuba le Kumkani ikhangela isitya ebumnyameni.

