CommunityNewsSports

U Yolatha Cosa ongumdlali weYoung yaseMchubakazi eGcuwa ufumene i-scholarship

Anele Raziya – 25 kuTshazimpuzi 2024

Umdlali weYoung Stars FC yaseMchubakazi eGcuwa, uYolatha Cosa (17) ufumene inyhweba yeyokufunda mahala (scholarship) kwisikolo esaziwayo nesihlonitshwayo, iCenter of Excellence eMonti kunyaka ozayo.

Le nyhweba uyifumene emva kokuba eye wangumdlali ogqwesileyo kunabo bonke kwitumente iNozulu Youth Legacy U/17 ebibanjelwe eGcuwa kutsha nje.

UCosa waphumelela iwonga lokuba ngumdlali ogqwesileyo kwitumente, waphinda wangumdlali ogqwesileyo kumdlalo wamagqibela kankqoyi apho iqela lakhe iYoung Stars FC yabhaxabula iCenter of Excellence ngo3-0 emva koko yagoduka nemali engange R10 thousands.

Ukanti waphinda wanikwa newonga lokuba ngumdlali ogqwesileyo esuswini (best midfielder) emva kokuba wakhethwa ngowasakudlalela iKaizer Chiefs, uWillard Katsande.

UKatsande wayekhona kule midlalo yeNozulu Youth Legacy Cup ukuchonga oyena mdlali oye wagqama esazulwini sebala kwaye encedisa nasekuchongeni umdlali ogqwese itumente yonke.

Encokola neliphephandaba uCosa owagoduka nemali enqabeleyo kwiR5000 ngale mini, uthe akasakwazi kulinda unyaka ozayo sele ezibona efunda eCenter of Excellence.

“Kulo nyaka ndenza Grade 11 kwaye ndonwabe kakhulu kufumana ithuba lokuyofunda eCenter of Excellence, eli lithuba elinqabileyo kwaye elinqwenelwa ngumntana wonke onenjongo zokuphumelela ebomini,” kutsho uCosa.

Uthe abazali bakhe bamxhasa kakhulu kwibhola ekhatywayo kwaye unethemba lokuba ngenye imini uyakubenza bazidle ngaye xa bembukele edlala ethivini.

Uqhube wathi ngoku ixanduva lakhe lelokuba ajonge incwadi zakhe kwaye aqhuleke nokuzimisele ekudlaleni ibhola ekhatywayo.

Eli thuba lika Cosa libaluleke kangaka lize emva kokuba iNozulu Youth Legacy Cup iye yakha ubuhlobo neCenter of Excellence ngelizama ukwabelana ngolwazi kwicala lokuphuhlisa imidlalo nakwicala lezemfundo.

ULuxolo Matikinca ongumsunguli wetumente uthe zonke indleko zika Yolatha Cosa zizohlawulwa yiNozulu Youth Legacy Cup kunyaka ozayo xa sele efunda eCenter of Excellence.

UMatikinca uthe uxanduva luka Cosa lelokuba ajonge incwadi zakhe kwaye aqhubeleke nokudlala ibhola ekhatywayo.

UCosa izakuba ngumdlali wokuqala ophuma kwitumente iNozulu Youth Legacy Cup ufumana ischolarship kwaye injongo zale tumente kuphuhlisa ulutsha.

Umqeqeshi wakhe uNceba Madutswana uthe uyamthemba uCosa ukuba ngekhe abaphoxe naxa eseMonti kuba ungumdlali ozimiselayo kwaye umqwenelela okuhle kodwa kwikamva lakhe.