Ikumkani yamaXhosa iqhwabele uMotsoaledi izandla
20 kuCanzibe 2024 – Anele Raziya
kumkani yamaXhosa jikelele, uAhlangene Sigcawu uliqhwabele izandla inyathelo lika Mphathiswa weSebe elijongene nemiCimbi yezaseKhaya, uGqirha Aaron Motsoeledi emva kokuba enikezele ngeloli ezilishumi elinesithandathu (16) kurhulumente waseMpuma Koloni.
Â
Ezi loli zinobuxhakaxhaba balemihla obufana nekhompuyutha kwaye ziziofisi ezihambayo ukulungiselela ukuba zincedise ekuhambiseni ngokhawuleza inkonzo zesebe lemicimbi yezasekhaya ndawo yonke ephondweni.
Â
INkulumbuso yaseMpuma Koloni, uOscar Mabuyane neKumkani yamaXhosa jikelele, uAhlangene Sigcawu ibe ngabo abomkele eziloli kumsitho ububanjelwe kwikomkhulu lamaXhosa eNqandu kuGatyane namhlanje (ngoMvulo).Â
Â
UKumkani uSigcawu uthe eziloli zizakuncedisa ukuhluza abemi bamazwe angaphandle abangene kweli ngokusemthethweni nabo bangene ngondlela mnyama.
Â
“Ezi loli zizakuncedisa ukuba sahlule kwabo bangene ngokusemthethweni kweli nabo bangene ngokungekho semthethweni,” kutsho uKumkani uAhlangene.
Â
Uqhube wathi nabantu bazakutsho baxhamle kwinkonzo ezifana nokwenzelwa izazisi zabo (Identity documents) nezatifiketi zokuzalwa xa zikhona iloli ezijikelezayo ezifana nezi.
Â
Uthe neenkosi ziye zafumana ithuba lokuba zincokole kwaye zifundiswe nguGqirha Motsoeledi malunga neemithetho yokugaleleka kwabemi bamazwe angaphandle kweli (immigration laws) kuba bezinkosi bazibhanqa sele behlala nabantu bamazwe angaphandle kwindawo zabo.
Â
Ethetha uGqirha Motsoeledi uthe kuluvuyo ukuba isebe lakhe linikezele ngeziloli zizi ofisi ezihambayo kwaye uthe zizakusebenza kulo lonke iphondo uqinisekisa ukuba wonke ubani uyaxhamla kwinkonzo.
Â
“Sichulumancile silisebe ngokuba sinikezele ngeziloli zizakuncedisa ukuhambisa inkonzo ingakumbi ezilalini,” kutsho uGqirha Motsoeledi.
Â
UMabuyane oyinkulumbuso uthe uchulumance kakhulu linyathelo lesebe lezasekhaya kwaye wonwatyiswe nayinto yokuba ezi loli zenziwa kwalapha ephondweni eBhayi kwa Isuzu.
Â
Uthe akukho mntu uyakuphinda adinge inkonzo zesebe lemicimbi yezasekhaya emva kokuba befumene eziloli bengurhulumente.



