HealthNews

Isebe lithembisa ukujongana ngqo neenyoka ezigqugqisa esibhedlele

27 Canzibe 2024 – Monwabisi Khininda

Isebe lezeMpilo kwiphondo leMpuma Kapa likuqinisekisile ukuba lizifumene iingxelo ngeenyoka kwisibhedlele iDr. Malizo Mpehle kuTsolo, yaye lizimisele ukujongana nazo ngqo ukuze kukhuseleke ooGqirha, aBongikazi, abasebenzi kunye nezigulane.

Oku kulandela ukudizwa ngamajelo eendaba ngeenyoka eziluhlobo lwamarhamba ezidakasa kwesa sibhedlele, zingena naseziwadini apho kulele khona izigulane,nto leyo ibeka emngciphekweni wonke umntu okwesasibhedlele.

UMkhululi Ndamase osisithethi sesebe lezeMpilo uthi belisebe balinde ingxelo ezakufakwa ngamagosa ezempilo abathunywe ukuba ayokwenza uphando.