Isikhululo esitsha samapolisa ekugqibeleni sivulile eKhayelitsha, sigqiba ukulinda iminyaka ephantse ibe ngama-20
27 Canzibe 2024 – Sandiso Phaliso – Kapa
Ukwakhiwa kwesikhululo esisisigxina eMakhaza kuzakuqala kunyaka ozayo, utsho uBheki Cele
- Phantse kwiminyaka engama-20 emva kokuchongwa kwesiza okokuqala, isikhululo samapolisa eMakhaza, eKhayelitsha eKapa savulwa ngokusesikweni ngoLwesine nguMphathiswa wamaPolisa uBheki Cele.
- Isikhululo samapolisa sexeshana saseMakhaza sineeyunithi esele zimiselwe kwaye siza kuphelisa uxinzelelo kwisikhululo samapolisa saseHarare esingenazo izixhobo zokusebenza.
- Isikhululo esizizigidi ezingama-R23 linyathelo lethutyana de kwakhiwe isikhululo esisisigxina kunyaka-mali ka-2025/26, amapolisa atsho.
Abahlali baseMakhaza eKhayelitsha bakwamkele ukuvulwa ngokusesikweni kwesikhululo samapolisa ekudala silindelwe eluntwini ngoLwesine, malunga neminyaka engamashumi amabini emva kokuchongwa kwesiza.
Umphathiswa wamaPolisa uBheki Cele uzibandakanye namagosa aphezulu eSAPS kunye namalungu osolomzi beengingqi neeforam zamapolisa oluntu kuphehlelelo lwesikhululo esixabisa izigidi ezingamashumi amabini anesithathu zeerandi. Esi iya kuba sisikhululo samapolisa sethutyana de kwakhiwe isikhululo esisisigxina kunyaka-mali ka-2025/26.
UCele uxelele abahlali ukuba esi sikhululo sethutyana sisabela “kwizikhalo zabahlali baseMakhaza abaphila ngoloyiko” ngenxa yokwanda kolwaphulo-mthetho kule ndawo.
Phambi kokuvulwa kwesi sikhululo, abahlali baseMakhaza kunyanzeleke ukuba baye kwisikhululo samapolisa eHarare nalapho, ngokokutsho kweSebe lePolisa elijongene nokuHlola noKhuseleko loLuntu ephondweni, sele bengenazo izixhobo zokusebenza. I-Harare inomlinganiselo wamapolisa kubemi wegosa elinye kubahlali abangama-773.
UCele akakhange aphendule imibuzo malunga nenani lamagosa aza kumiswa eMakhaza, koko uthe esi sikhululo sizakunikwa iimoto ezingamashumi amabini anesithandathu, ezilishumi elinesihlanu kuzo zintsha kraca.
Ngo-2004, ibala elivulekileyo eMakhaza lacetywa okokuqala njengendawo yesikhululo esitsha samapolisa. Ngethuba iKomishoni yoPhando yaseKhayelitsha ngo2014, kwavela ukuba ulwakhiwo lwesikhululo samapolisa eMakhaza lukwindawo yesibini kuluhlu lwezikhululo eziza kwakhiwa eNtshona Koloni, kodwa akukho nto yenziweyo. IKomishoni yenza isindululo sokuba i-SAPS ikhawulezise ulwakhiwo.
Kwiminyaka emihlanu emva kokuba iKomishoni yenze izindululo zayo, iKomishoni yoBulungisa boLuntu (i-SJC) kunye nabahlali baseMakhaza bahlutha esi siza singenamntu ngo-2019. Bakha udonga, besebenzisa izitena zekonkile kunye nesamente, embindini womhlaba. Udonga lwalupeyintwe mhlophe lubhalwe “Makhaza Police Station” ngepeyinti emnyama.
UBonga Zamisa weSJC uthe ngoLwesine, “Siye sakhankasa, saqhankqalaza, sakhethela esi sikhululo samapolisa. Sijonge ukubona oovimba bamapolisa apha ekumele ukuba bafikelele hayi eMakhaza kuphela kodwa neendawo ezisingqongileyo njengeNkanini, eZwezwe.”
Inyambalala yabahlali, abanye abebenxibe izikipa ezinophawu lombutho wezopolitiko, bebehlanganisene kumasango esikhululo esitsha apho bekubanjwe khona umsitho wokuvula. Umhlali uNontle Ntiyane ebewangawangisa iqhiya yakhe emoyeni edanisa ecula.
UNtiyane uxelele iGroundUp ukuba ubugebenga baseMakhaza abunyamezeleki. Uthi amadoda amathathu aqhekeze umzi wakhe kwiminyaka embalwa edlulileyo aza abamba usapho elukhombe ngemipu ngelixa ebe zonke izinto zalo.
Omnye umhlali uMsimelelo Dyolisi wakwaZone 14 uthi ngenyanga yeKhala kunyaka ophelileyo wakhuthuzwa wabethwa ephuma emsebenzini. Waya kuxela esi sehlo kwisikhululo samapolisa esihambahambayo kudederhu lweevenkile ezikufutshane, kwaye ityala ladluliselwa kwisikhululo samapolisa saseHarare.
“Ndifumene iSMS, kodwa ityala lam alizange lifakwe kumcuphi wetyala, nangona ndiwaxelele amapolisa ukuba ndiyamazi omnye wabahlaseli. Into abandixelela yona kukuya kwindlu yesikrelemnqa ndiyokubuza ngezinto zam ezibiweyo,” utshilo uDyolisi.
Usihlalo we-CPF eHarare kunye netshantliziyo uFuneka Soldaat uthe, “Olu lusuku oluneemvakalelo kakhulu. Andazi nokuba ndihleke okanye ndilile.”
Kwangoko ngoLwesine, uCele utyelele isiza sesikhululo samapolisa esitsha esiza kwakhiwa eTafelsig, eMitchells Plain.
“Aba bahlali kungoku nje basebenzisa iinkonzo kwisikhululo saseMitchells Plain, esinomlinganiselo wamapolisa kubemi bepolisa elinye kubahlali abangama-600,” utshilo uMphathiswa weSebe lezamaPolisa noKhuseleko loLuntu, uReagen Allen.
Isikhululo siza kugqitywa ekupheleni kukaNovemba ka-2026.


