NewsSports

Uthatyathwe kwitumente eyayisindlekwe eButterworth Training College 

10 Isilimela 2024 – Anele Raziya

Amaqela (clubs) weembethi manqindi eGcuwa sele eqalisile ngamalungiselelo wawo ukulungiselela itumente yamanqindi ebizwa iEastern Cape Boxing Championship ezakusindlekwa eMnquma kwiveki ezayo.

Umbutho wamanqindi obizwa iSouth African Boxing Federation (SABOF) ulungiselela ukusindleka itumente yeembethi manqindi ezisakhulayo eGcuwa ngomhla weshumi elinesihlanu ukuya kumhla weshumi elinesithandathu (15-16 June) kule nyanga.

Injongo zale tumente kuphuhlisa iimbethi manqindi ezisakhulayo ephondweni kunye nokubhiyozela usuku lolutsha ngale nyanga yolutsha.

Iingingqi zonke zaseMpuma Koloni kulindeleke ukuba zikuphe iimbethi manqindi ezizakuthi zikhuphisane kule tumente iza kubanjelwa kwindawo yaseButterworth Monumente eGcuwa.

Konke oku kuvakaliswe nguMbuyiseli Xokolo okhokela isebe lombutho iSABOF eMnquma.

Uxokolo uthe ngale mini kulindeleke ukuba kubekhona amalungu aphezulu weSABOF kwaye imbethi manqindi eziqhube kakuhle zizokufumana ithuba lokuba zichongwe zimele iMpuma Koloni kwitumente enkulu ezakubanjelwa eKapa kwinyanga ezayo.

Uqhube wathi ngale mini bazimisele ukumemz nosodolophu waseMnquma uTunyiswa Manxila-Nkamisa kunye noogxa bakhe ebhungeni ukuba babeyinxalenye yale tumente.

UXokolo wongeze wathi itumente emile oluhlobo izakuba negalelo nakwicala lokuvuselela amanqindi kwindawo yaseMnquma eyayifudula isaziwa ngokuvelisa imbethi manqindi ezikumnganga ophucukileyo.

 Uye wahlaba nekhwelo lokuba abazali bakhuthaze abantwana babo ngomdlalo wamanqindi kunye neeminye imidlalo ukuze bangabinalo ixesha lokusondela kwiziyobisi notywala.

Ngale mini yetumente uthe wonke ubani uzakungena mahala uyokubukela ezimbethi manqindi zisakhulayo kwaye ucela abazali baphume kangangoko benako uyokuxhasa abantwana babo.

Kunyaka ophelileyo iSABOF yasingatha itumente eButterworth Training  College eGcuwa kwaye iimbethi manqindi ezazithathe inxaxheba zazibalelwa ngapha kwama300 kwaye nabantu baseMnquma babephuma ngobuninzi ukuxhasa iimbethi manqindi zabo.