Kuthiwa mazivalwe iiCellphone nee hairstyle kubantwana besikolo
25 EyeKhala (July) 2024 – 31 EyeKhala (July) 2024 – Intatheli kaDizindaba
Mpuma Koloni
Abazali bavakele besenza isimbonono ngokuvalwa kwee cellphones kubantwana besikolo kuquka nokuvalwa kwee hairstyle kubantwana besikolo. Abazali beli phondo bakhala ngelokuba zombini ezi zinto bakhala ngazo zongeza ubunzima kubo kuba lisaziwa eli phondo ngamaqondo aphezulu entswela ngqesho. Abazali bakhala ngokuba zombini ezi ngxaki bakhala ngazo zidla kakhulu ezipokotweni zabo ezingenanto.
Awona mabanga bakhala ngawo kakhulu abazali ngalawo asezantsi nalawo asembindini de kuye kuma koo Grade 10 kuba aba bakula mabanga kusafuneka besikisele ukucinga kungekho zinto zibaphazamisayo. Aba bazali bakhala ngokuba okuqala ezi hairstyle zibabiza iimali ezinkulu bengabazali bona zekuphinde kube zezi cellphone ezibabangela bangaqiqi tu kwaphela. Bakhala ngelokuba nalapho aba bantwana badibana nezinto ezimbi. Abazali aba bakhala ngelokuba aba bantwana bayakwazi ukuqundana ngee ntloko ngokungathi babanisana ngezinto ezintle zezifundo kanti hayi zezi cellphones ezibabonisa izinto ezimbi kakhulu. Kuthiwa baphinda kwakhona baqundane kanjalo kanti babhencana ezi hairstyle. Kuvakala okokuba esi simbonono see hairstyle nee cellphone besikade sigqame phaya kwindawo eyayikade isaziwa njenge Bophuthatswana kuba ngoku bavakale bekhala abazali nase Lady Frere.
Elinye inina lase Swartzwater umama uThenjiwe Mlata wathi: “Sisonke singabazali siyakhlaa ngalo ‘Vula zibhuqe’ wamalungelo anikezwa ngulo Rhulumente weshwangusha. Ngoku ndingumntu ophangelayo ndiyakhala yindlela intombi yam eyimosha ngayo imali kwezi hairstyles. ISebe lezeMfundo malibeke imithetho engqingqwa kwizinto ezifana nezi kuqaka nezinto ezifana neziyobisi apha ezikolweni. Iinwele ezi mayibe zezendaloo kumfundi aziphothe okanye bazikame nje. Naku side sabanje ukuphumelela sifunda kwizikolo ezifana noo MT Arthur siziphotha okanye sizikama ezi nwele,” utshilo lo mama oyi Teller kwenye yee bhanki eKomani.
Kuvakala okokuba nombutho wabafundi ngoku iSASO ithande ukubonakala ingahambisani nezinye zezi zinto bakhala ngazo abazali kodwa wathi konke kuzakuba sezandleni zomphathiswa Wezemfundo nomtsha kulo Rhulumente Wobumbano (GNU).

