Crime & SafetyLocalNews

Babanjwe neziyobisi abafana baseXhorha

12 kweyoMnga 2024 – 15 eyoMqungu 2025

Amapolisa kwiphulo lawo lokucoca izitalato ngelilungiselela iiholide zehlobo athe andwendwela indawo yaseXhorha nalapho afumene imfumba yeziyobisi eziluhlobo lwe-Crystal Methamphenthamine kunye neepilisi zeMandrax Boss. Ezi ziyobisi ngokwexabiso lasesitalatweni ziqikelelwa kuma R35000. Kuvakala ukuba amapolisa athe abamba abafana ababini abaphakathi kweminyaka engama-23 nama25.

Eli phulo liqale ngokuvalwa kwendlela kwisiphambuka sakuMatshamba eXhorha,nalapho babambe umrhanelwa neziyobisi.Kuthe xa kuphandwa amapolisa aqhubeka aya kwikhaya lomrhanelwa eMain Road kwalapha eXhorha.Amapolisa athe xa ekufuphi nekhaya lomrhanelwa abona enye indoda iphuma kulomzi iphethe iplastikhi,xa imiswa ngamapolisa yakhanyela yona ngelithi ayiphathanga ziyobisi. Athe amapolisa akuvula le plastikhi afumana inqwaba yeziyobisi nayo yabanjwa yadityaniswa nobhululu wayo.

“Oku kuthumela umyalezo kwabo bathengisa iziyobisi ukuba amapolisa asezithendeni zabo,sizakuzitshabalalisa iziyobisi ezitalatweni kweziholide zehlobo, nangaphaya. Sizakuqinisekisa ukub abophuli mthetho bayavalelwa,” kutsho iKomishinala yeSithili iAmathole uMajor General Ngangema Xakuva. UXakuva ukwancome umsebenzi omhle owenziwe ngamapolisa ukulwa nolwaphulo mthetho ngelixesha. Aba barhanelwa bazukuvela kwiNkundla kaMantyi eXhorha kule veki.