Crime & SafetyNewsReligious News

Isisigculela ilali i Zadungeni eNgcobo

30 EyeNkanga 2023 – 06 EyoMnga 2023 – Yonela Mpaka

NGCOBO

Umasipala wase Dr Ab Xuma uthe waphehlelela ngokusesikweni iphulo lokuthi phantsi ngokuhlukumezwa  komama kwakunye nabantwana kwilali yase Zadungeni Engcobo. Eli phulo liqhubele kwilali le ngenxa yeziganeko ezithe gqolo ukwenzeka zokubulawa kwabantu gqiba  bangaziwa, ezinye zazo ukusetyenziswa kweziyobisi ngendlela esele ingalawuleki.

OnguCeba kwindawo le u Sivuyile Platyi uthi kubangasa kukho umntu obuleweyo ,indawo zentselo zivula kuse. “Sibone uba masiphakame indawo ezihlala abantu zilahlekelwe yintlonipho kwakunye nothando, sifuna kubuyelembo siyakhuthaza kuba kubangasa kubakho umntu ocholweyo sele eswelekile,sixakene nabantwana abaselayo nabangahambelaniyo bayaxabelana bayabulala ungade uyazi nokuba babangantoni, noko siyanqanda sithi kubi ngoku elilizwe malingaphathwa ngoluhlobo,“ utshilo uPlatyi.

Ixhoba elilile inyembezi ngenxa yokuphatheka kabuhlungu kwindawo ebelincedisa kuyo libalise lisithi kubulewe umntu phambi kwalo kwathwa mabacoce igazi lalomfana ubuleweyo khange yena esisiqu aphinde ame kakuhle uthi akasalali kakuhle uyaphakuzela nokuba ngawaphi amancedo anokuwafumana uyawacela. Inkosi yelali uJongisizwe wenze isibhambathiso sokuba bazakukhe bahlale nabahlali ukuva ukuba ngezizirhoxo zivula kuse kuthweni ngazo, abantu ababulala abanye kuthweni ngabo.

“Siyangenelela ngoku kuba siyabona kuyonakala asifuni abantu belali de bangahambelani bangabulisani ngenxa yezinto ezenzekayo ,siyathembisa lento ikulelali ingasanqandekiyo sizakuyiphelisa tu wonke umntu uzakuhlala ngokonwaba, “ utshilo u Nkosi u Jongisizwe. Abahlali belali bavakalise ukuba abo bophula umthetho kuzakufuneka bemnkile kwilali le.