Bahleli mantsantsa ngenxa kavutha
16 EyoMqungu 2025 – 29 EyoMqungu 2025
Monwabisi Khininda
Usapho lakwaNtyoyi kwilali yakuCwebhe,eXhorha, luphelelwe ngamacebo ngenxa yokuhlaselwa ngumlilo ekungaziwayo nokuva uvela ngaphi. Kwiveki ephelileyo umlilo uvele kwisuthikheyisi ebinempahla zomntwana.Kanti ubukhe wavela nakwilokhwe yomfazi welikhaya.Bathe besajonge leyo waqhambuka kwiplastikhi emnyama yakwamasipala.
Ukhansela wendawo uThethemini Stwayi ukhe wafika kweli khaya ezoqonda izinto ezonakeleyo nongenelelo olukhawulezileyo abangalwenza. UMasipala waseMbhashe kwisithili iAmathole kunye neCandelo lezeNtlekele (Disaster Management) ababonakalanga nangotshengele nangona bebeyazisiwe imeko yelakhaya.
“Sixakiwe ukuba singadibanisa ntoni nantoni ukuze siyilwe le meko.Kudala imithandazo ingena kwelikhaya kodwa asikancedakali,nabantu besiXhosa abade bawuchane umhlola.” kutsho uKhewane Ntyoyi osisithethi sosapho. Unyana welikhaya oneminyaka elishumi elinesine ubudala ulala esithubeni ngoku nembinana yeempahla ezishiyekileyo,uzijijele kuye esiqwini oku komntu ophazamiseke ngokwasengqondweni kuba enexhala lokungekehli.

