Bangaphaya kwamakhulu amabini abatshabe ezingozini zendlela
16 EyoMqungu 2025 – 29 EyoMqungu 2025
Monwabisi Khininda
Baqabele ngaphaya kwamakhulu amabini abantu abatshabe kwiingozi zendlela ngexesha leziyunguma zokuphela konyaka. Kunyaka ophelileyo ngelixesha bebekwikhulu namashumi amane abantu abasutywe kukufa ezindleleni kodwa kulonyaka bakuma-190, eMpuma Kapa kuphela.
UMphathiswa weZothutho noKhuseleko loLuntu uXolile Nqatha uvakalise inkxalabo ngokwenyuka kwamanani, kuba bakwanze konke okusemandleni ukunciphisa iingozi zendlela ezisuba imiphefumlo yabakhweli ephondweni. “Ngelishwa zonke ezi ngozi bezinonqandeka kuba zichaphazela abantu, ngabantu abaqhuba ngokungenankathalo, zenzeka kwindlela ezinempawo zokumakungenziwa nomakwenziwe. Kodwa sekunjalo kukho abaqhubi abaye bangazikhathaleli ngenxa yezizathu ezaziwa ngabo kuphela babe ngalondlela babeka ubomi babo nobabantu ababqhubelayo esichengeni. Enye ingozi kweli phondo isube imiphefumlo yabantu abalishumi elinesibini.
UMphathiswa uvakalise ukuba ezona ndlela ezinobungozi nguhola wendlela u-N2 osube imiphefumlo yabakhweli abangama-42Â noR61 ekusweleke abantu abaku-21. Eyona ngozi esube imiphefumlo yabantu abalishumi elinesine nguN9 kufuphi naseGraaf-Reinet.
