LocalNewsSocial Development

Umdlezana oneshumi elinesibini leminyaka

16 EyoMqungu 2025 – 29 EyoMqungu 2025

Monwabisi Khininda

Isebe leZempilo eMpuma Kapa livakalise umothuko nenkxalabo emva kokuva udaba lwentombazana eneshumi elinambini leminyaka, ezalele kwiziko leMpilo kuKomani kwisithili iChris Hani, eMpuma Kapa. Oku kuvakale nguthuba uNtandokazi Capa onguMphathiswa ebetyelele isibhedlele iDora Nginza eGqeberha apho ebegqithisa izipho kubantwana abavele kunyaka omtsha.

Lo mntwana ononina oneshumi elinesibini leminyaka ngomnye wabantwana abangamashumi amane anesine abazelwe ngomhla wokuqala kulo nyaka. Kuvakala ukuba utata womntwana yinkwenkwana eneshumi elinesixhenxe leminyaka. UCapa uthe bazosebenzisana nesebe loPhuhliso loLuntu ukuqinisekisa ukuba umntu ozothwaliswa uxanduva ngesi sehlo.

“Sikhathazekile sesi sehlo, ngelinye ixesha singade sithi kubekho udlwengulo oluqhubekileyo, kungako sifuna ukusebenzisana namanye amasebe karhulumente,” kutsho uCapa. “Kufuneka simazile uyise womntwana kwaye simemelela abazali ukuba bafundise abantwana babo ngendlela zokucwangcisa nokukhusela inzalo phambi kwexesha.”