Abahlali baqhankqalazela ukulayitwa kombane
13 EyoMbumba (Feb) 2025 – 26 EyoMbumba (Feb) 2025
Intatheli: Monwabisi Khininda
Abahlali belali yaseJoe Slovo kwa-wadi 19 kumasipala Intsika Yethu bebevale iindlela bevutha ngumsindo besithi bafuna impendulo kumasipala malunga nokungade kulayitwe umbane,nanjengoko ingaphaya kwesixhenxe iminyaka bafakelwa iibhokisi kodwa akulayitwa. Ethetha egameni labahlali uMazantsi Yenzekile uthi baqondile ukuba mabavale indlela le ukuze bavakale kuba kudala behlala iintlanganiso neKhansela kungekho sisombululo.
Lo kaYenzekile uthi kubancedile ukuvala indlela nanjengoko uSodolophu womasipala uKhanyisa Mdleleni ekwazile ukuza kulendawo bebekuyo bengabahlali. Uthi bavumelene ngokuba uSodolophu negqiza lakhe bazakuya kuhlala intlanganiso noluntu lwaseJoe Slovo kungekudala.Kwangaxeshanye,uSodolophu uye wacela uxolo kuluntu esithi banolwazi ngengxaki yaseJoe Slovo,yokungalayiti kombane. Etsho esithi le ngxaki impazamo eyenzekayo kukungabuyeli kuluntu bayokulazisa ngesona sizathu esibangela ukuba ungalayitwa umbane nanjengoko unokontraka kwabakho izinto angazange agqibe ukuzenza.
Ebongoza kuluntu ngelithi makungamoshwa iziseko esele zikhona kuba kufunwa ezinye iinkonzo. Oku ukutsho njengoko abantu betshise iziqobo zemithi endleleni betshisa nendlela.


