‘ZINTLE KAKHULU IZIPHUMO SONWABILE
COFIMVABA
Isebe lezeMfundo phantsi koMasipala iChris Hani libhiyozele iziphumo zabafundi bebanga leshumi, abathe beza nepesenti engu-83%. Le mibhiyozo iqale kwidolophu yaseCofimvaba, yaze yaqhubela eNgcobo, apho imoto bezingumngcelele. Ukufumana ipesenti ephezulu kangaka kuvuyise abo bakwisebe, kuquka nabo bancedisana nemfundo ukuba iqhubele phambili.
Izikolo zasePhakamani, Manzana, Clackburry, neNyanga ziphume emagqabini, kuquka nezikummandla waseCofimvaba naseTsomo. Kanti ootitshala baseNgcobo bathi bafumene i-100% kwizifundo ezifana nezezibalo kunye nolwimi. Imincili kubafundi abaphumeleleyo ibeke wonke umntu ekubeni imfundo ihlonitshwe.
Omnye wabafundi, uLinamandla Ndolela, obefunda kwisikolo saseNgcobo Village, uthe khange kube lula tu ngethuba bezama ukuphumelela. Ubalule ukuba bebefundisana bebodwa ngamanye amaxesha, kwaye bebengalali kuse, behleli befunda ukuze baphucule umgangatho wemfundo yabo. “Zintle kakhulu iziphumo zethu, sonwabile kuba besingaphumli. Sinqwenela ukuba sithathwe kumaziko aphezulu ukuze siqhubeke nemfundo yethu,” utshilo uNdolela.
Izikolo ezihlala zibhalwa kwimbali yeempumelelo aziyekanga ukwenza okufanayo, ezinjengoMangelengele, ethe yabuya nepesenti engu-98%.
USomlomo woMasipala, uMandilakhe Kondile, uvuyisene nabo baphumeleleyo, wathi: “Bayofunda bagqwese apho baya khona.” Uqhubele phambili ekhuthaza abo bangaphumelelangayo ukuba bangayeki, kuba “akulahlwa mbeleko ngakufelwa.”
Abasebenzi besebe lezeMfundo nabo bebengawuvali umlomo, bebhiyozela impumelelo yabafundi, kwaye indlela ibingumkhosi wemincili namayeyeye.


