UMPHATHISWA UGXELESHE UKUBUYA NODUMO NAKULONA UNYAKA
UMphathiswa weSebe lezeMfundo eMpuma Koloni, uFundile Gade, ugxeleshe ubuya nodumo nakulona unyaka kwiziphumo zika-Grade 12. Oku kulandela emva kokuba isebe lakhe liye laphucula umgangatho wokuphumelela kwabafundi kwisiphumo sika-2024.
IMpuma Koloni ifumene umyinge wokuphumelela we-84.9% kwiziphumo zika-Grade 12, nalapho kubonakala ixhume ngeepesenti eziyi-3.56% xa kuthelekiswa nezika-2023, apho yafumana i-81.4%. UGade uthe ezi ziphumo ziyakhuthaza, kwaye ubulele ootitshala, abazali, kunye neebhodi ezilawula izikolo ngenkxaso yabo, nto leyo encede ukuba iMpuma Koloni ifumane iziphumo eziphucukileyo xa kuthelekiswa namaxesha angaphambili.
Ebethetha eseMonti, uGade uchaze ukuba iphondo lakhe liqhube njani ngokweengingqi nezithili. Kukho iinginqgi ezintlanu ezibonakalise ukuqaqamba xa kuthelekiswa nezinye ephondweni.
Isebe livakalise ukuba ingingqi yaseChris Hani East ibambe indawo yokuqala ngokufumana i-88.5% wokuphumelela kwabafundi baka-Grade 12, inonyuko lwe-4.5% xa kuthelekiswa nonyaka ka-2023, apho yafumana i-84%. Kwindawo yesibini ibengingingqi iAmathole East, eyifumene i-87.8%, ixhume ngo-5.4% xa kuthelekiswa neziphumo zayo zangaphambili.
Ingingqi iAlfred Nzo West ibekwe kwindawo yesithathu, ifumene i-86.9% kwaye iphucule iziphumo zayo ngo-2.1% xa kuthelekiswa nezonyaka odlulileyo. I-Nelson Mandela Metro ibekwe kwindawo yesine, ifumene i-86.7%, inyuka isuka kwi-83.1% ekwafunyanwa kunyaka odlulileyo. Kwindawo yesihlanu ibekwe ingingqi iAlfred Nzo East, eyifumene i-85.9%, iphucula iziphumo zayo ngo-0.8% xa kuthelekiswa nezonyaka odlulileyo.
UGade uqinisekise ukuba phantse zonke iinginqgi eMpuma Koloni ziqhube kakuhle, ngaphandle kwengingqi enye kwezi zilishumi elinanye (11) ethe yafumana ngaphantsi kwe-80%, kodwa ikwazile ukufikelela phezulu kwe-70%.
Uthe abafundi babonakalise ukuphucula umgangatho wokuphumelela phantse kuzo zonke izifundo. Kwizifundo ze-Accounting, izinga lokupasa linyuke lisuka kwi-76.7% ukuya kwi-81%. KwiziFundo ze-Agricultural Sciences, abafundi banyuke ukusuka kwi-83.9% ukuya kwi-89%. Kwi-Business Studies, izinga linyuke lisuka kwi-81.9% ukuya kwi-85.6%, kanti kwi-Economics, abafundi banyuke ukusuka kwi-78.3% ukuya kwi-81.6%. Kwi-Geography, baphucule besuka kwi-87% ukuya kwi-88.9%, ze kwi-Life Sciences banyuke besuka kwi-76.6% ukuya kwi-83%.
Kwizifundo ze-Physical Sciences, abafundi banyuke kancinci besuka kwi-75% ukuya kwi-75.2%. Kwimathematics, baphucule besuka kwi-57.4% ukuya kwi-62.2%, ze kwi-Mathematical Literacy banyuke besuka kwi-80.6% ukuya kwi-84.5%. I-History kuphela kwisifundo eye yehla, isuka kwi-90% wonyaka odlulileyo iye kwi-88.6%.
UGade uthe nangona ezi ziphumo zincumisa, isebe lakhe lifuna ukuphucula nangakumbi kunyaka ka-2025. Uqhubele phambili esithi umgangatho wemfundo eMpuma Koloni uyaqhubeka nokukhula, kwaye bazakusebenza nzima ukuqinisekisa ukuba abafundi bafumana inkxaso eyaneleyo ukuze baphumelele ngakumbi kunyaka ozayo.


