CommunityHealthNews

IYALUNGISWA INDLELA EBIYINGXAKI IXESHA ELIDE

Kraaifontein/Bloekombos

Le ndlela ixesha elide kakhulu ibiyingxaki ingakumbi kubanini bezithuthi nanjengoko iyindlela ekunyanzeleka ukuba kusetyenziswe yona xa ungena eBloekombos usuka kwicala laseWallacedene. Nezithuthi zikawonke-wonke zisebenzisa yona. Kodwa kwisithuba seminyaka emininzi ibiyingxaki ivuleke izigingqi, kwaye kusoloko kudame amanzi. Lo nto ibibangela nomonakalo kwiimoto eziyisebenzisayo.