Community

Baxhasiwe ngokutya eTshetshi eNgcobo

Omama benkonzo yase Tshetshi eNgcobo phantsi kwe Diosis of uMbhashe bavale inyanga yomama ngokwamnkela izipho ezisuka ku Sodolophu womasipala i Dr Ab Xuma.Amasebe   ka rhulumente ebephume ngobuninzi  ephikisana ngentetho ukuxhobisa omama kwingxaki abahlangana nazo.Amawisile akuzimasile oku phantsi ko President womama.Umyalezo odluliswe nguSodolophu womasipala i Dr Ab Xuma u Cllr u Siyabulela Zangqa ebaxelela ngokubaluleka kokuzixabisa xa ungumama ,esithi umama ngoyenamntu udlala indima enkulu ukwenza luqilimba ikhaya,ngoyenamntu uvula ingcango ezingakwazi ukuvuleka ngokuthi aguqe ngedolo ethandaza. Umyalezo ubemhlr ukhatshwa kukutya okuyakuthi kuxhase ecaweni omama abangathathintweni.Ongu President womama kulecawe  yase Tshetshi umama u  Phumla Bhovungana uthi baxhotyiswe kakhulu kusithwa mababuyelembo bavuse amakhaya bakhathalele nabo bakuthi babezinkokheli zangomso. “Siphume siyazi ukuba umama funeka alwe nokuba imeko sezingavumi,kufuneka simele inyaniso sikhusele intsapho zethu ukuze izinto ezingenamsebenzi nezibulala ikamva labantwana bethu zingafumani kungenelela,sibulela nangokutya kuba bakho abo balala bengatyanga,”utshilo uPresident Bhovungana.Bangamashumi amahlanu omama abakuthi balale betyile.Amawisile ayazixhasa ezinye icawe xa kudityenwe.Umama  u Mcinga Blosom nosuka kwicawe yase Wisile uthi ukuhlangana komama bafuthelane yinto enkulu leyo nenija ithemba nakwabo sele bephelelwe lithemba.

Umfanekiso:Uvalo lwenyanga yomama eTshethi eNgcobo