Kuphandwa ukubulawa komfundi ngamapolisa
14 EyeNkanga 2024 – 27 EyeNkanga 2024
Intatheli: Monwabisi Khininda
Â
Amapolisa aseMpuma Kapa avule ityala ukuze kuqhutywe uphando emva kokudutyulwa kubulawe inkwenkwe eneshumi elinesibhozo leminyaka ubudala eNorth Crest eMthatha kwiveki ephelileyo. Kutyholwa ukuba le nkwenkwe idutyulwe ngamapolisa ngentseni kwisitalato iMabuto.
Nangona amapolisa engakhange anike nkcaza ipheleleyo kodwa athi eli tyala lidluliselwe kukhala ojongene nokuziphatha kwamapolisa i-IPID. Ingxelo engekaqinisekiswa idize ukuba umfi ngumfundi kwisinala iExcelsior eNorth Crest. Isithethi samapolisa ephondweni uLieutenant Colonel Siphokazi Mawisa uthi iimeko ezingqonge esi siganeko ziyinxalenye yophando.
