‘Sikhumbule apho sisuka khona
Intatheli: Yonela Mpaka

Ngcobo: Abafundi besikolo samabanga aphantsi i Sandile eNgcobo bathe banikwa izihlangu zesikolo nguZama Sandile osengumntu omtsha welali le. Lo mfana uZama wayefunda kwisikolo esi esakhula nobone uba makakhe abuyisele apho asuka khona. Abantwana abathe baxhamla kwizihlangu bangapha kwamashumi amabini.Oku ukwenze lomfana ngokuncediswa ngabanye ababefunde kwisikolo esi.
Iphulo lokuxhasa abo basweleyo uyaliqhuba uZama kuba ukhe wanikeza ngewheelchair kubantwana abakhubazekileyo. Iphupha likaZama Sandile uthi kukulwa lento yokusokola xa usiya esikolweni de udinge nesokunxiba isihlangu. Uthi ukukhula ngaphandle kwabazali yeyonanto imenze akalibala apho asuka khona kuba waye wayokugcinwa emzini ukuze akwazi ukuqhubeka nokufunda. Ukhuthaze abantwana ukuba bafunde ukuze bazokwazi nabo ukuba nezinto ezizezabo xa bebadala.

Abazali balivuyele eliphulo lenziwa lelityendyana kuba libonakalisa ubuntu.Ongumzali utata u Thembalakhe Mpehle uthi liphulo elihle kakhulu. “Sinqwenela uZama abheke phambili ebanceda abo basweleyo kuba hayi wonke umntu uyakwazi ukukhumbula apho asuka khona, kweli ixesha umntu nomntu utsalela kwelakhe icala, qhakaza ke mfo ungabuyimva, “utshilo utata u Mpehle. Imincili novuyo nakotitshala besikolo kuba kaloku kushiywa umzila abakuhamba beqhayisa ngawo nongenziwa nangubanina. Ititshala zonke bezonwabile zingagqibi ukucula zimbulela uZama.


