EducationMPUMA KAPANews

Umqol’uphandle kootitshala abaxhaphaza abafundi ngesondo 

Intatheli: Monwabisi Khininda|Eastern Cape

Kubhengezwe iminxeba yokumpimpa ootitshala abalala nabafundi ezikolweni. Urhulumente wephondo leMpuma Kapa uphehlelele uphando ngezityholo zabafundisi-ntsapho abalala nabafundi kwizikolo eziliqela kweli phondo. Izikolo ezichazwe lisebe ziquka iSt. Johns College (eMthatha),Ngangelizwe High (eMthatha), J.S Skenjana (Idutywa), iSt. Patricks ( eLibode) nezinye.

Ngaxeshalinye ukukhusela amaxhoba urhulumente ubhengeze iminxeba engatsalelwa ngabafundi ukuchaza umkhuba wokuxhatshazwa ngesondo ngootitshala. Nabani ofuna ukumpimpa achaze lo mkhuba angabhala kuWhatsApp athumele ku-0786601314 ngentsuku zonke zeveki okanye atsalele umnxeba wasimahla ku-0801212570 ukuqala ngoMvulo ukuya ngoLwesihlanu.Kusungulwe iqela elenziwa ngamacandelo ohlukeneyo ukuze aphande lo mkhuba oxakileyo nomasikizi.

Kwiveki ephelileyo ngootitshala abasixhenxe besikolo iSt. Johns College abanikwe ikhefu elikhethekileyo ngethuba kusaqhutywa uphando. UMphathiswa wesebe lezeMfundo ephondweni uFundile Gade uthi ngokusungula le minxeba bafuna amaxhoba akwazi ukuthetha ngokukhululekileyo. Uthe kwezi ziganeko kophulwe umthetho ngokuxhatshazwa kwabafundi. “Sifuna amaxhoba azive ekhuselekile.Ngamanye amaxesha kungenzeka lomntu kufuneke kuchazwe kuye lo mkhuba ngulo naye axhaphazayo.Emva kokwenza umsebenzi,kuza kufuneka kusebenze amapolisa necandelo lezoBulungisa abophuli mthetho baphendule kwinkundla zamatyala ngezenzo zabo ezimdaka nezinuka ukutsha,” kutsho uGade.

Urhulumente uthi ukufaka umthetho bagwetywe kuza kunqanda ukusuka kwesinye isikolo baye kwesinye kweliphondo. Uphinde wawunyevulela lo mkhuba ngelithi izikolo kumele ibezindawo zokufunda ngokukhululekileyo.