Baqhuba amashishini wabo bekwi wheelchair eNgcobo
Intatheli: Yonela Mpaka | Ngcobo
Bazityanda igila abaphila nokhubazeka edolophini eNgcobo nanjengoko lenyanga ibekelwe bucala ukujongana ngqo nabo. Oku kuza emva kokuba u Khayalethu Gwaza ophila nokukhubazeka ethe waziqalela ishishini lakhe lokuthunga izihlangu phambi kwenye yevenkile zase Ngcobo.
UKhayalethu Gwaza uthi ukuzibona ekwisitulo akhonto itshintshe indlela acinga ngayo ntonje ucinga ngokuhlakaniphileyo kakhulu kunakuqala, uthi akafuni mntu uzomsizela ngendlela ahamba ngayo kuba uyakwazi ukuzenzela izinto,akucelayo nje kurhulumente yi wheelchair kuba le anayo uthi ayisamsi kwindawo ebekade esiya kuzo. Ishishini lakhe ulixabise kakhulu kuba uphuma sele isina imvula.

OnguBhuti wakhe u Litha ubalisa esithi bayacela akhe ancedwe ngesitulo u Khayalethu kuba ukhe ngezinye imini afune ukuziyela kulondawo sibe isitulo sakhe imeko yaso ingekhontle. “Simthanda kuba akakuthandi ukuhlala endlini ufuna uphuma aye edolophini ayozama, akangomntu othanda ukuxakekisa abantu ngezinto zakhe kungoko simcelela isitulo ukuze imeko yakhe ibhetele kakhulu, nathi usincedisa kakhulu ekhaya siyambulela, sikhuthaza nabo bakwesisimo bangalolahli ithemba.” utshilo uGwaza Litha. Abahlali base Ngcobo bathe gqolo ukuxhasa uKhaya kwishishini lakhe nanjengoko umsebenzi awenzayo usonelisa.


