Crime & SafetyLocalNews

Kubhubhe abantu abathathu kwingozi yezithuthi 

Intatheli: Monwabisi Khininda | Cofimvaba

Kubhubhe abantu abathathu, abanye abalishumi elinesine bonzakala kwingozi embi ebandakanya itekisi kunye nePolo kuhola wendlela u-R61 kufutshane neForty Junction kufuphi naseCofimvaba, ngoLwesihlanu. Ngokwengxelo yamapolisa le ngozi ibandakanya iToyota minibus ebikhwele abantu abalishumi elinesine kunye ne-VW Polo ebinabantu abahlanu. Ingxelo ithi ezi nqwelo-mafutha bezihamba zisiya kumacala awohlukeneyo ngethuba zingqubana okwenkunzi zeegusha. Abasemagunyeni bezempilo baqinisekisile ukuba abathathu ababhinqileyo abebekhwele kwi-VW Polo babhubhele kwindawo yexhwayelo. Abanye ababini abangamadoda kuquka nomqhubi bonzakele kakhulu.

Kwicala leminibus abantu abathandathu kuquka nomqhubi baphume benamanxeba anzima,ngelixa abanye abasibhozo bonzakele kancinci.Bonke abonzakeleyo basiwe kwisibhedlele saseCofimvaba ukuze bafumane unyango. Iingxelo zokuqala zibonisa ukuba ukuqhuba ngokungakhathali kusenokuba ngunobangela wale ngozi. UMphathiswa weZothutho noKhuseleko loLuntu eMpuma Kapa uXolile Nqatha uthe le ntlekele iyakhathaza, watsho edlulisa amazwi ovelwano kwiintsapho zabaphulukene nezihlobo zabo.

Ukwanqwenelele abo bonzakeleyo ukuba baphole ngokukhawuleza. “Sibongoza bonke abaqhubi ukuba bathobele imithetho yendlela, balumke, baze bahloniphe ubomi babo kunye nobabanye abantu,”utshilo uNqatha.