Community

ABAHLALI BASEQUTSA BAZOKHELE IBHULORHO

Intatheli: Monwabisi Khininda

Abahlali kwilali yaseQutsa kwa-Wadi 17 phantsi komasipala wase-Intsika Yethu, kwisithili iChris Hani, badibanise amandla bazenzela ibhulorho eyayitshatyalaliswe ngamanzi.

Umhlali ogama linguHange, onxaxhelekileyo ekuququzelelweni kolu lwakhiwo, uthe bakubona ukuba indlela iyeyisa, iimotokar zisokolisa ukuwela, baqonda ukuba kufuneka benze into ngokwabo bangalindi urhulumente, kuba sekudlule ixesha elide ibhulorho yonakele.

Le bhulorho isetyenziswa ngumntu wonke elalini, ngoko wonke umntu unikele ngento anayo. Abanye babanikezele ngesandi nesamente, abanye bancedisa ngokuthutha izixhobo. Kukwancedwe nangabo banezigadla.

UKhansela uLulama Ngamlana uqinisekisile ukuba ngenene abahlali bazenzele ibhulorho. Uthe nangona bengurhulumente bezama ukulungisa, iindlela ezininzi nezibhulorho kwindawo yase-Intsika Yethu zisashiyeke zonakele.

Ubonge uluntu ngokuthatha inyathelo endaweni yokulinda. Uthe into emchukumisayo kukuba uluntu alukhethanga ukumohlwaya njengenkokheli, kodwa luthathe isigqibo sokuncedisana. Uthe urhulumente uzaqhubeka nokuzama ukulungisa iindlela, noba besebenza ngezixhobo ezingonelanga.