Crime & SafetyLocalNews

Obedlwengula ephindelela ugwetywe ubomi ejele

Intatheli: Monwabisi Khininda

INkundla yamatyala yaseBityi eMthatha isigwebe ubomi entolongweni isidlwengu emva kokuwelwa ngamatyala amabini okuzithatela ngolunya kumhlaba ongezantsi.Igama lesidlwengu nguSiphelele Mtshotshweni (30) welali yaseMqhekezweni.La matyala enzeke eMqhekezweni ngoAgasti nangoNovemba 2022 apho uMtshotshweni waqhekeza emzini amatyeli amabini wangena wadlwengula ixhegwazana elineminyaka engamashumi amathandathu (60).Omabini la matyeli ubengena azenzele ngolunya kwixhegwazana elingenabani.

Ingxelo yenkundala ibhentsise ukuba ngomhla we-6 Agasti 2022,ixhoba lalilele nabazukulwana balo abathathu abaqala kwiminyaka emibini ukuya kwemithandathu ngethuba elinxanwa lesidlwengu likhaba ucango lwavuleka wavala.Ngesaquphe wophula iglobe ukuze kubemnyama.Kusajongwe leyo wanyanzelisa elixhegwazana ukuba likhulule ngaphambi kokulidlwengula.Ixhoba zange likwazi ukumkhomba kuba kwakumnyama.Ityala lavulwa kwisikhululo samapolisa.

Kuvakala ukuba emva kweenyanga ezintathu ukhehle wabuya ityeli lesibini ngomhla we-6 Novemba 2022 wafika wophula ucango wangena.ULuxolo Tyali weGunyabantu lezoTshutshiso uthi kwelityeli ixhoba lazama ukubaleka ntoleyo yakhokelela ukuba kujijiswane ngaphandle kwendlu.Ixhoba loyisakala laphela amandla ngenxa yempilo.Lo nqevu wakhupha imela wakrazula iimpahla zexhoba walidlwengula kabini ngaphandle kwendlu.Ngethuba lodlwengulo ixhoba lonzakala esandleni.Kwakhona ixhoba zange likwazi ukumfanisa kodwa kwathathwa ubungqina bencindi yembewu yobudoda yavavanywa.

Ngo-2023 le ndoda yanxulunyaniswa nelinye ityala lokudlwengula omnye umntu omdala kwakule ndawo.Kweli tyeli wanyolwa ukuba nguye kwathathwa incindi zabuya iziphumo zikhomba yena njengomdlwenguli.Wabanjwa wabekwa amatyala njengoko ekwahlala kwakulendawo inye nexhoba.Nangona kunjalo zange awavume amatyala esithi wayehlala nonina yena ngethuba kusenzeka olu dlwengulo.