Kusungulwe i-Initiation Forum eMbhashe
Intatheli: Anele Raziya | Mbhashe

UNkosi uSipho Nyendane ongusihlalo weMbhashe Initiation Forum, uthe beyile forum ejongene nolwaluko abalindelanga ziganeko ezixhomisa amehlo ngelixesha lolwaluko njengoko bewenzile onke amalungiselelo ebelindelekile kubo.
Ebethetha kwiveki ephelileyo eXhorha nalapho iinkosi, umasipala waseMbhashe, iSebe lezeMpilo, iingcibi namakhankatha bebehlangeni khona ukushukuxa izinto ekumele zenziwe ngelixesha lolwaluko.

UNkosi uNyendane uthe indibano yabo yaseXhorha beziinkosi, iingcibi, amakhankatha, isebe lezeMpilo, inkonzo yesipolisa, imibutho yasekuhlaleni, nomasipala, ibijolise ekushukuxeni izinto ekumele zilandelwe xa kuzosiwa amakhwenkwe ehlathini.
Uqhube wathi beyiForum, urhulumente imibutho yasekuhlaleni bafuna ukuqinisekisa uluntu ukuba bawenze onke amalungiselelo ebefuneka ukunqanda into yokusweleka kwabakhwetha.
“Njengokuba sele sinethuba siyiForum sisebenzisana ngokubambisana norhulumente siyabona ukhona umahluko okoyo kwaye zinqabile iziganeko ezixhomisa amehlo kweli cala,” kutsho uNkosi Nyendane.
Emva kokuba bebebambe intlanganiso eXhorha, uthe baye bayokubamba ezinye indibano nakwezinye idolophu ezifana noGatyane neDutywa.
Ezona njongo ebeziphambili kwezindibano ibikukhuthaza iingcibi, amakhankatha ngemigaqo ekumele ayilandele ngexesha lolwaluko.
UNkosi uNyendane uthe enye yezinto ibikhuthazwa kwintlanganiso yintsebenziswano uqala kubazali uyokutsho kwingcibi, makhankatha neenkosi ukunqanda unongekehli.
Uthe abantwana ekulindeleke ukuba boluswe ngabangaphezulu kweminyaka elishumi elinesibhozo (18) kwaye iiinkosi funeka zivule amehlo kungoluswa nabangaphantsi kwale minyaka.
Usomlomo webhunga likamasipala waseMbhashe uBabalwa Majavu ubulele intsebenziswano ayibone phakathi kwengcibi, amakhankatha, iinkosi namasebe awohlukeneyo karhulumente ngexesha bebesindleka indibano kwidolophu ezahlukeneyo
UMajavu uthe wonke ubani makadlale indima yakhe ngelixesha lolwaluko kwaye abophula umthetho ngelixesha mabajongane nengalo yomthetho.
Uthe bengumasipala bazakusebenza kufutshane kuzo zonke stakeholders ezijongene nolwaluko.

