Uncategorized

Bazakulima nangona bephila nokhubazeko

Yonela Mpaka | Cofimvaba

Banikezwe nge wheelchair kwakunye nezixhobo zokuncedisa ukulima abo baphila nokhubazeko kumasipala iNtsikayethu kwidolophu yase Cofimvaba. Oku kwenziwe phantsi kokuncedisana nabo abanye babo asele begugelwe zizitulo zabo zokuhamba, bekwancediswa  ukuba bakwazi ukuyozenzela izitiya ukuze bakwazi ukulala betyile.Uvuyo ebelugcwele kwabo banikezwe ezizixhobo nabavakalise ukuba urhulumente xa enomana ukuthi gqolo ukubajonga izinto zingalula kakhulu.

Ophila nokhubazeko nongumntu osemtsha u Lwando Mayeko uthi bayabulela kakhulu kumasipala kuba esakhe isitulo besele sigugile, ngoku uzokwazi ukuya kwindawo afuna ukuya kuzo.Umasipala akaqali ukuncedisa abo baphila nokhubazeko kwanabo bathanda ukulima. Usodolophu womasipala u Khanyisa Mdleleni uthi babone mababaxhase ababantu kuba abanye babo abasenazo ezizitulo, abanye babo kufuneka de baqhutywe ukuze baye ezindaweni. “Sithi ke baziphathe kakuhle ezizinto sibanike zona, sakumana ukuvela kubo sijonga nokuba bayazisebenzisa ezizixhobo sibanika zona kuba sikhuthaza abantu abayalimayo, nabazokwazi ukubeka ukutya etafileni,” utshilo u Mdleleni.

Abahlali baliqhwabele izandla eliphulo lenziwe ngumasipala kuba bayazana indlela abaphila ngayo kwindawo zabo.