CommunityCrime & SafetyNews

Bagwetywe ubomi ababulala indoda ngenxa yemali

24 August 2024 – Monwabisi Khininda

EMATATIELE

Inkundla yamatyala eMaluti ibathe nkaa ngesigwebo sobomi, umntu emnye,emva kokuba befunyaniswe benetyala lokubulala indoda yommangalelwa wokuqala. Esi sibini nguVuyelwa Bhalawase (46) noSiyanda Majola (21) abazizithandani.

Amaxwebhu esimangalo adiza ukuba uVuyokazi noSiyanda babulala indoda kaVuyelwa eneminyaka engama (59) ngenjongo zokufumana imali yomhlala–phantsi ze bayidyakaze bezonwabisa. Umyeni kaVuyelwa ebehlala esebenza eGoli isithuba seminyaka engamashumi amathathu, loo gama uVuyelwa noSiyanda bebehlala kwilali yaseRholweni eMatatiele.

Kubungqina benkundla kufumaniseke ukuba rhoqo xa kuphela inyanga umyeni kaVuyelwa ebethumela imali yokuba uVuyelwa azijonge. Nanjengoko umfi ebeshiyekelwe ngunyaka omnye athathe umhlala-phantsi wathi wathumela imali engange R12000 kwiNkosikazi yakhe kwinyanga ezimbalwa phambi kokuba bambulale, imali eyithumelela ukuba athenge iigusha ukuze afike afuye xa sele ohlukene nengqesho.

Wadana othukile xa umyeni efika kungekho zigusha zathengwayo ngumfazi wakhe.Kulapho uVuyelwa nekrexe

bamsuse endleleni umyeni. Ngelishwa eli yelenqe laviwa ngumtshana kamfi. Kwelo yelenqe yevakala into yokuba uVuyelwa nanjengoko wayengenamntwana nomfi zonke imali zakhe zizowela kuVuyelwa.

Elo yelenqe lathi laqandusela ngomhla we-22 kweyeSilimela nalapho bathi bamhlasela ekhayeni lakhe. Umfi bamosela wafa ngoko nangoko. Xa amapolisa ephanda esebenzisa ubungqina abufumene kumtshana kamfi baye banqakulwa babanjwa kwinyanga elandelayo.

ULuxolo Tyali othethela iGunya Bantu lezoTshutshiso (NPA) eMpuma Kapa uthethe wenjenje: “Siyasamkela isigwebo esiwiswe yinkundla yaseMatatiele, isigwebo sokuba esi sibini sithunyelwe entolongweni sithothoze ubomi baso bonke. Sinethemba ukuba esi sigwebo sizakubathibaza nabo bacinga ngokwenza izenzo eziloluhlobo.