Uncategorized

UMalema uthi akayoyiki ijele 

Monwabisi Khininda | Monti

“Ngethuba ndandizibandakanya nomzabalazo wenkululeko ndandisazi ukuba ikhona ekumele yenze phakathi kokubanjwa, ukubulawa nokufumana inkululeko,” uthethe watsho uJulius Malema ethetha nenginginya yabalandeli bakhe ngaphandle kwenkundla yaseMonti.

UMalema ebevele enkundleni ezokumamela isigwebo azakusinikwa yinkundla emva kokufunyaniswa enetyala lokudubula umpu emoyeni,esidlangalaleni,ngexesha lombhiyozo wombutho awukhokheleyo i-Economic Freedom Fighters (EFF), kwibala lezemidlalo iSisa Dukashe eMdantsane.

Eli tyala limiselwe umhla we-15 kunye ne-16 kuTshazimpuzi kulonyaka kuze kuqhutywe nenkqubo eyandulela ukugwetywa kwakhe.