NewsPolitics

Lelinye  inxeba kumasipala iSakhisizwe eCala 

Yonela Mpaka | Cala

Ugxwala emswaneni umasipala wase Sakhisizwe eCala emva kukosweleka kuka Ceba Thembalakhe Tasana.UTasana usutywe kukufa ekhayeni lakhe. Kwinkonzo yomngcwabo kwikhala lakhe eNdondo square belugcwele kume ngembambo. Inkonzo  ibizinyaswe ngobekekileyo uNobhala we ANC e Chris Hani u Comrade Andile Mini, no Yanga Zicina othethela umbutho e Phondweni kwakunye nelungu eliphezulu u Siyabulela Zangqa okwanguye uSodolophu e Ngcobo.

Ukusweleka kuka Ceba u Tasana kuza emva kwenxeba elikhulu ebelisandukwenzeka kusweleka ongomnye webhunga likamasipala e Sakhisizwe uXolela Lali nowafunyanwa edutyulwe. Sele eneminyaka loka Tasana etsala intambo zobanguCeba kwindawo yase Cala nobesisithunywa sabantu kwicala lokusiwa kwenkonzo zikarhulumente eluntwini. Oka Tasana ushiya uchazwe njengomntu ozabalazileyo ukuze abo abakhokheleyo bangaswelinto, uzabalazile efuna wonke umntu axhamle kwicala lamanzi nombane. Intliziyo yakhe entle iqhwatyelwe izandla u Comrade Tasana.

Abancedisileyo ekutshintsheni  imeko zabo ekuhlaleni ebazamela nemali yesibonelelo sikarhulumente bathe loka Tasana makayophumla ngoxolo kuba ebekuthunyiwe ukwenzile.Uceba uTasan ushiya usapho lwakhe nezihlobo nabo azalana nabo kwelinzulu inxeba.