Kutshiswe imizi emithathu ngabaqhankqalazi
Edition: 12 March 2026 – 25 March 2026
Intatheli: Monwabisi Khininda
Abahlali baseShayamoya eKokstad abebevutha ngumsindo beqhankqalaza ngaphandle kwenkundla baphume apho batshisa imizi emithathu equka nendawo yokukhonzela. Esi siganeko silandela ukuxhwilwa komntwana oneminyaka esixhenxe ongu Lathitha Mtolo. Umfana oneminyaka engamashumi amabini anesine uye wanqakulwa wancinwa ngabahlali. Uthe akubethwa wavuma ukuba umntwana umthengisele ixhwele elikwangumthandazeli.
Abahlali khange bakwazi ukuzibamba emva kokuba iNkundla kaMantyi ilichithile ityala ngakulomfana ngelithi akukho bungqina buphathekayo bokuba ummangalelwa umxhwilile umntwana. Abahlali abebevutha ngumsindo bakhangele eli xhwele emzini walo bafika lingekho libalekile, bantumeka umlilo.Bagqithela endaweni elikhonzela kuyo eli xhwele abalifumana bayitshisa loo ndawo. Bagqibele kwikhaya lomfana obevumile ukuba nguye oxhwile umntwana bafaka umlilo. Kuye kwangenelela amapolisa kwabanjwa umhlangano. Umntwana yena akakafunyanwa.

