Kufuniswa ngoMelanie Gunkel olahlekileyo
13 August 2026 | Monwabisi Khininda | Lusikisiki
Amapolisa aseLusikisiki acela uncedo kuluntu lokukhangeliswa intombazana eneminyaka elishumi elinethoba (19) ubudala, uMelanie Gunkel, waseGunyeni kuNgobozana A/A eLusikisiki. Kuthiwa uMelanie wagqityelwa ukubonwa ngoMgqibelo, umhla we-01 Agasti 2026, malunga nentsimbi yesixhenxe kusasa esendleleni eya kwisikolo iLusikisiki Hiibrow High School.
Ngexesha lokunyamalala kwakhe wayenxibe iyunifomu yesikolo equka isiketi esingwevu (grey), kunye nejezi eluhlaza (navy jersey). Nabani na onolwazi olunokuncedisa ekufunyanweni kwakhe uyacelwa ukuba aqhagamshelane neNtloko yabaPhandi baseLusikisiki, uColonel Elam Makhamba, kule nombolo: 0823025118 okanye atsalele umnxeba kwi-Crime Stop 0860010111.


